Inkolo neeNkolelo zaBasotho

© Dr Peter Magubane

Ezenkolo Ezitshintshe Namaxesha

Iinkolelo zaBasotho mayelana nokufa nobomi emva kokufa kuchatshazelwe kakhulu kukunwenwa kwegospile yobuKrestu. Ngaphezu koko, iinkolelo nezithethe zohlanga lwa Basotho ziye zitshintsha ngokuhamba kwamaxesha. aBasotho bakholelwa ukuba umntu (motho) wohlulwe kubini: umzimba (mele) okanye inyama (nama), kunye nomoya (moea) nekwaligama elinye nomoya lo we mozulu okanye isithunzi (seriti).

Umzimba uphila ithutyana kwaye ngenye imini uyafa ubole, kodwa wona umoya umi ngonaphakade. Ngethuba umntu esaphila umoya okanye umphefumlo uphila ngaphakathi emzimbeni. Bambi bakholelwa ukuba lomoya usentliziyweni, bambi bakholelwa ukuba usengqondweni. Inkolelo jikelele yeyokuba lomoya uphila emzimbeni wonke uphela. Umoya usenokuwushiya umzimba ebusuku uzula zule. Amaphupha aba ziziphumo zokushiywa komzimba ngumoya okanye ngumphefumlo. Amagqwirha angayenza imiphefumlo yawo ukuba ishiye imizimba yawo ukuze yenze imisebenzi engcolileyo.

Xa umntu esifa, umphefumlo uyawushiya umzimba ujikeleze kufuphi nawo. De kube kanti umzimba ungcwatyiwe, umphefumlo usemngciphekweni wokujikwa ube sisithunzela ukuba ilwimi lomfi liye lasikwa okanye kufakwe ipegsi yempahla entlokweni yesidumbu. Kukholeleka ukuba oku kungenziwa ngamaxhwele ukuze enze amayeza anamandla. Ukukhusela oku, umzimba kufuneka uqholwe ngamayeza akhethekileyo, kwenziwe nomlindo phezu komzimba de ube kanti uyangcwatywa.

Emva kwamasiko onke afanelekileyo omngcwabo, umphefumlo uyemka uqhubekele phambili. Bambi bakholelwa ekubeni uya kwikhaya lakudala dala elise Ntsuanatsatsi. Abanye bakholelwa ukuba lomzimba uya ekhayeni elisezulwini. Imiphefumlo isenokulunga ibenenkathalo okanye ikhohlakale. Isenzo sokunqula izinyanya sisekelwe phezu kwenkolelo yemiphefumlo elungileyo nenenkathalo.

Ukukhuselwa Zizinyanya

Ngokwesintu iqela ngalinye losapho oluthile kwakukholeleka ukuba liphantsi kokhuseleko lwezinyanya zaloo (balimo). Ubukhosi bona buphantsi kokhuselo bezinyanya zonke zenkosi. Inkolelo kwizinyanya ichaphazela indlela ekuphilwa ngayo nekwenziwa ngayo izinto ezithile, ingakumbi xa kugulwa. Isigulo sasikade sisayanyaniswa nezinyanya, nekwakukholeleka ukuba zibangela ukuba abo baphilayo bagule ukuze babenokuya kuzo kwilizwe lakwamoya. Namhlanje zimbalwa izigulo ezayanyaniswa nezinyanya umzekelo ubuphakuphaku, ukuphuthelwa kunye nokuxhuzula kuyanyaniswa ngqo nezinyanya ngabantu abathile. Bakholelwa ekubeni ezi zigulo zinganyangeka kuphela ngokucenga/ukuthetha nezinyanya. Oku ke kungenziwa ngokuthi kuxhelwe isilwanyana okanye kwenziwe umsebenzi othile obekufanele ukuba wenziwe. Kwelinye icala, aBasotho bakholelwa ukuba, izinyanya zidlala indima ebalulekileyo ekunyangeni izifo nezigulo ezininzi. Uncedo lwezinyanya lufumaneka ngokudibana nexhwele (ngaka), nelithi ligqithise umyalezo wokuba abaphantsi bafuna ntoni okanye kufuneka kusetyenziswe eliphi iyeza.

Abanyangi kunye NamaXhwele aBasotho

Ingaka inegalelo elikhulu kuluntu lwa Basotho. Iye ixilonke ze inike namachiza ezigulo nezifo eziqhelekileyo. Ikwathintela namashwa, ikhusele ubugqwirha kunye neengozi, izise amathamsanqa nempumelelo. Ingaka inceda kwizinto apho abantu bangenakho ukuzilawula ngokunokwabo okanye xa beziva bengakhuselekanga. Ukwenza oku, iye isebenzise amayeza esintu akhiwe ehlathini enziwe ngamaxolo emithi, izityalo ezithile kunye nezilwanyana. Ingaka le iye inyange ngokwesintu zonke izigulo ingakhange iqhagamshelane nezinyanya okanye abaphantsi.

Iselaoli yona inyanga izigulo ngokuphosa amathambo, amakhoba njalo njalo. Kuxhomekeka ngendlela aye awe/ame ngayo phantsi, iselaoli iye ixilonge isigulo somguli lowo ize inike namachiza okunyanga eso sifo. Lomsebenzi wenziwa ngomlingo. Unyango luye luxhomekeke kakhulu ekwenziweni kwamasiko kunye naseku ngxengxezweni kwizinyanya eziqumbileyo. Ukwenza oku ke, kungaxhelwa kwenziwe nemicimbi.

Isenohe ngumntu okwazi ukubona izinto ezingabonwayo ngabanye abantu. Oku ke kwenza lomntu ukuba akwazi ukuxilonga izigulo kwaye abone nezinto ezise zakwenzeka.

Translated by Zizipho Silwana