Iminyaka Yobutsha buka Nelson Mandela

Umfanekiso oqwetyiweyo ka Dlalani

©Eric Miller

Ekupheleni kweminyaka yo 1950,uNelson Mandela wayeyinkokheli ezinikezele kakhulu yombutho we ANC. Wayengomnye wabantu abenza kwenzeke kumbutho wolutsha we ANC, neyabeka lombutho endleleni eya kwisi manje-manje kunye nokujongana ngqo norhulumente wocalulo.

Nasekuziseni utshintsho kubukhokeli belizwe ngomnyaka ka 1949. Wayeli volontiya eliyintloko kwi Defiance Campain ngonyaka ka 1952, kwaye wabayinkokheli enyuliweyo kwi phondo lase Transaal kwaye wanyanzelwa ukuba aphume nguhrulumente, ukusukela ngo Disemba ka 1956 wayengomnye wabasolwa betyala eliqhubekekayo lokunganyaniseki.

Ngapha kwayo yonke lento, umfanekiso wokubangudlalani wamnamathela lo ka Mandela. Wayengazimiselanga ncam kwi politiki yayingame hlebezi amanye amalungu e ANC.

Wayohlukile kunezinye iinkokheli: Emde, emile kakuhle kwaye eyi nzwana, wayenxiba kakuhle, kwaye wayekuthanda ukuzixuba phakathi kwabanye abantu, wayeqhuba imoto kwaye unkosikazi wakhe, umtshato wakhe wesibini, yayingu Winnie omhle. Kwaye ke aphinde abe ngomnye wabantu abambalwa abafundele ukuba ngama gqwetha.

Wayeziphendulela

Ngokuye iminyaka ihamba, lomfanekiso wawukude enyanini. uMandela wayesazi kwaye wazifaka ngabom kumgibe we politiki ngexesha kanye amandla abamhlophe ayebeke izigwebo ezinzima ezilindele naye namphi na umntu omnyama owayenenkani okanye eziphendulela uMandela wayesele ezibonele oku kwi nkundla kamantyi nalapho wayesebenza khona nje nge gqwetha kunye no Oliver Tambo, owayekwi qela le ANC naye.

Ifem yabo yayisebenzisa iofisi ezimbalwa eChancellor House ngaphesheya kwendlela enesakhiwo see nkundla ezinkulu kwisitalato iFox, eJohannesburg. Xa evela phambi komantyi, nababe mhlophe bonke, kakwungekho lula. Oomantyi babe ngakhululeki, maxa wambi babe gadalala kuye, ukuzibhaqa sele kufuneka basebenze negqwetha elimnyama.

Kwakufuneka baziqoqoshe enkundleni, kodwa kwakucace mhlophe ukuba abanye babo babengakuthandi ukuphatha umntu omnyama ngembeko nanjengomlingani emthethweni. uMandela, xa esima phambi kwabo, wayesoloko enembeko kwii nkundla zabo, kodwa kwakucacile ukuba wayezimele engoyiki nakancinci.

Translated by Zizipho Silwana

Nelson Mandela Prison Years by Benjamin Pogrund

UMandela nabahlobo bakhe abahlanu (5) abasenyongweni basuswa eRobben Island basiwa apho imeko zokuphila zingcono khona, kwi ntolongo iPollsm...more