Imbali nge Ndalo yeCradle of Humankind

Umbono Nge Mvelaphi yeNdalo

©David Fleminger
Ukungazibopheleli nge nkcukacha: umbono nge mvelaphi yendalo awamkelwa nguye wonke ubani. Ngaphandle kweminyaka eli 100 yophando lwenzululwazi kunye namagumbi okugcina agcwele ziifosili/amathambo akudala dala, base baninzi abantu ekunzima kubo ukuba bamkele ukuba bayamanise iinkolelo zabo zomoya kunye nezabo bona buqu. Kunjalo nje ungquzulwano phakathi kwemvelaphi yendalo kunye nokudalwa kwehlabathi kusengumba oshushu namhlanje kanye njenge thuba apho indoda egama lingu Charles Darwin yothusa ihlabathi liphela ngencwadi yakhe eyathengwa jikelele ebizwa nge ‘On the origin of species’.
Ukuba unamathandabuzo ngabantu abangakholelwayo kwimvelaphi yendalo ukuba yaphuhla ngokuye kuhamba iminyaka, enza nje wena uphando nge ndalo, kwaye uzakufumana uthotho lolwazi olubhebhetha nolunyemba lo mbono. Noxa kunjalo, eli ayisiloxesha lokungena kule ngxoxo mpikiswano. Imbono yokuba ezi nkolelo zimbini ziyahambelana ngendlela ethile iyalandela ngezants.

Ngaphandle Kwase Afrika

©David Fleminger
Kuqikelelwa ukuba isibalo esingaphaya kwama 35% samathambo akudala dala abantu ombiwa kwihlabathi liphela sifumaneke ngaphakathi okanye kwiindawo ezingqonge iCradle of Humankind – ukuzokuthi gaa ngoku sisibalo esingaphaya kwe 1000 yezidalwa ezafumaneka kwiziza ezimalunge ne 1. Ngaphezu koko, ezi fosili zivamise ukufunyanwa sise semgangathweni olungileyo, ngenxa yokuba zingcwabeke kwimiqolomba emnyama neyomileyo. Oku ke kwenze kwalula ukuba izizukulwana zenzuluwazi kunye neengcali ngemizimba yabantu-anatomists ziphande nangakumbi ngemvelaphi yethu singabantu. Kusekho nokunye esingeka kwazi!
Ngenxa yokuba iCradle of Humankind ikwaqulathe amashumi ngamashumi amawaka alamathambo/fosili oku kunika ubungqina bezityalo nezilwanyana ezaziphila mandulo kule ngingqi. Ukwembiwa kwemiqolomba ese Cradle of Humankind kuze neziphumo zeendidi ngeendidi zezilo ezimangalisayo nezoyikisayo maxa wambi.
Ezi zizilo ezazisabelana nomhlaba kunye nookhoko bethu ababebancinane: Kukho izilo ezikhulu ezinamanqina amane esele zatshabalala, iimpuku, iincanda, iinyamakazi, iimfene, iinkawu, iinkqu ezinkulu ezinamaphondo azimitha ezi 3 ubude, iikati ezinamazinyo aphumele ngaphandle ezibizwa nge Dinofelis, kunye nenja engaqhelekanga efana nomvolofu ebizwa nge Gladysvale, iihashe elineempuphu ezintathu, indlulamthi enentamo emfutshane asisathethi ke ngonoomatse abakhulu, oodyakalashe abakhulu kunye namahodi amakhulu (nekukholeleka ukuba ayenobunzima obungama 120 khilogrems).
Ukubaluleka kobutyebi be fosili / amathambo afumaneka eCradle of Humankind fossil wealth, bunokubaluleka obungenakuphikiswa kwihlabathi liphela. Obu bungqina buqinileyo bukwavumelana nembono ebizwa njenge Out-of Afrika nethetha ukuba abantu banamhlanje baphuhla eMazantsi Afrika ngaphambi kokuba bafudukela emntla baze bathi tshitshilili eMhlabeni wonke. Olu qikelelo luqiniswa nangakumbi yimizekelo emininzi yezixhobo ezenziwe ngamatye ezifumaneka kule ngingqi. Kwaye bungqinwa nangakumbi luphando olutsha lokwahluka kwendlela abantu balemihla abohluke ngayo kunabo bamandulo.

Kusekuninzi Okuza Kufunyanwa

©David Fleminger
Ngelishwa ke, ngokwesizalo kunzima ukubona ukuba ngubani owazala omnye, kwaye kufuneka kuvunywe ukuba imbono ngokuphuhla / ngemvelaphi yabantu ayikabiyo nzululwazi ithe ncakasana. Xa kuthethwa inyani, ukuqonda kwethu ngezinyanya zethu zamandulo kusekelwe phezu kwamathambo/fosili ezimbalwa kwaye izinto ezintsha ezifunyanwayo yonke imihla kuyaqhubeka nokusinyanzelisa ukuba simane siluphonononga silutshintsha ulwazi lwethu ngomnombo wabantu/wethu.
Kodwa oku kongeza kuchulumanco kweze palaeoanthropology. Kwaye nasemva kweminyaka engama 80 yokuqhubeka nokomba eCradle of Humankind, kusekuninzi okuza kufunyanwa. Namhlanje ingingqi ye Cradle of Humankind iyaqhubeka nokutsala iingcali ezisuka kwihlabathi lonke, ezinomdla wokongeza amagama azo kuluhlu olusele lulude lweenzululwazi ezifake igalelo kwesi sihloko. Ngubani owayesazi ukuba ukufunda nokuphanda ngembali kungabaluleka kangaka?
Ugqatso lokunikezelana ngemvelaphi / ukuphuhla kwabantu nalapho izidalwa ezithile zinikezela kwazilandelayo kubonekele njengento engasasebenziyo. Kulusizi ke oku kuba oku kwakukade kuyinto elula. Kwakufana nqwa nakumzobo odumileyo wemfene itshintsha isiba ngumntu walemihla: Iimfene zajika zaba zii Australopithecus, nezajika zaba zii Homo habilis, nazo zajika zaba zii Homo erectus, zona ke zathi zajika zaba zii Homo sapiens.
Amathambo/iifosili ezafunyanwa kwiCradle of Humankind kunye nase Mpuma Afrika kubonakalise ukuba kwakusoloko kukho iindidi eziliqela ezahlukeneyo zabantu bokuqala-hominids nezazihlala kwingingqi enye ngaxesha nye. Yintoni eyabangela ukuba indidi ethile itshabalale logama enye iqhubeka nokuphila? Kunzima ukutsho ngokuqinisekileyo. Mhlawumbi kungenxa yokuba indidi ethile yacinga iindlela ezingcono zokuyinceda iphile. Mhlawumbi indidi ethile yona yakhawuleza yakwazi ukuthetha ngolwimi oluvakalayo kunezinye. Mhlawumbi ezi ndidi zatshatana (babe abazali bechasene noko).
Okanye mhlawumbi indidi ethile yahlasela yaze yabulala ezinye (oku kusenokuba yinyani xa kujongwa imbali yethu yakutsha nje). Yonke le mibuzo iseyingxoxo mpikiswano eshushu exoxwa luluntu lwabantu balemihla abaluhlobo lwe Palaeo. Kwaye ziseninzi iimpepho nopapasho olunika ingcaciso nengxelo ezeleyo ngombono ngamnye.

Translated by Zizipho Silwana