Iingcebiso Ngodliwano Ndlebe Lwemisebenzi Kwezolimo

© Andile Bhala
Amaxesha amaninzi, abantu abatsha abafuna ukuqala ukusebenza kwezolimo baqala njenge intern okanye iiaprentice kwifama zentengiso. iFuture Farmers Foundation ngumbutho owenza udliwano ndlebe kunye nabo baphalisileyo, ze ubafake kwiifama ukuze babenokufunda ngezolimo. Xa sele begqibile ezi internships eMzantsi Afrika, uninzi lwezi apprentice ziyaqhubeka ziyokusebenza kwiifama apho zinokufunda kabanzi mayelana nolimo lwamazwe ngamazwe. Owaseka lombutho, uJudy Stuart kunye namanye ‘amafama angomso’ abagqiba olu qeqesho (internships) basabela iingcebiso ezimbalwa ukuqinisekisa udliwano ndlebe olu lulo.

Ungaphathi Umnxeba Kudliwano Ndlebe

Iminxeba ayina ndawo kudliwano ndlebe lwemisebenzi. Yicime okanye uyishiye ekhaya. Ukuphendula umnxeba ngethuba ukudliwano ndlebe kubonakalisa ukungabina mbeko. Xa ufuna umsebenzi kufuneka ufike kwangethuba, benze babenomdla ngawe uze ubonakalise nembeko.

Coceka Unxibe Kakuhle

Hlamba kwaye uqinisekise ukuba unuka kamnandi. Nxiba kakuhle. Unganxibi iidimasi. Ukuba uyindoda, ukufika unxibe amacici wenze neenwele akuzukunceda ufumane umsebenzi wase fama.

Ncuma

Usenokuba kanti uyoyika okanye wothukile ngethuba ukudliwano ndlebe, kodwa zama ukuba uncume. Lonto izakubanika umdla nabo uze kubo. Kumnandi ukusebena nabantu abonwabileyo – bakhuthaza nabanye abantu ababangqongileyo kwaye benze kube mnandi nase msebenzini. Zama ukuzilolonga kwindlela oxhawula ngayo isandla-qiniseka ukuba ayikho yeke yeke. Oku kubonakalisa ukuba uzithembile noba sele ungazithembanga na.

Indlela Yokuhlala

Xa uhlala phantsi, hlala kakuhle. Ukuba uwise amagxa okanye utshonele esitulweni, oku kungabonakala ngathi awunamdla wokuba phaya. Kuyanceda ukungqiyamela ngaphambili umjonge ngqo emehlweni umntu owenza udliwano ndlebe naye.

Buza Imibuzo

Xa uku dliwano ndlebe, uzakubuzwa imibuzo, mibuzo leyo ekufuneka uyiphendule. Kodwa kufuneka ubuze imibuzo nawe. Yenza uphando oluthile mayelana nefama kunye nesikhundla ofuna ukusebenza kuso. Kuyanceda ukuba nolwazi ngale fama unqwenela ukuyisebenzela, kunye nangalomntu ukwenza udliwano ndlebe. Ungabuza imibuzo mayelana nefama; oku kuzakubonisa ukuba unomdla kwaye lukhona ulwazi olwaziyo ngale fama. Kwaye nalomntu uze kuye uzakubanomdla kuwe nje ngomntu ofuna umsebenzi. Uzakwazi kabanzi nangomsebenzi kwaye ufumane nolwazi lokuba uzakwenzani kwanye kanye kulo msebenzi. Xa udliwano ndlebe lugqityiwe, bonisa umbulelo wokuba unikwe ithuba lokuza kolu dliwano ndlebe, umbulele nalowo ebekwenzisa udliwano ndlebe ngexesha lakhe.

Translated by Zizipho Silwana