Ibhatata Ebomvu

© Louise Brodie

Ilwa Ukunqongophala kwe Vithamin A

Ukunqongophala kwe vithamin A (VAD) yingxaki isebe lwezempilo lika rhulumente elijongene nayo. I saveyi yelizwe jikelele esandula kwenziwa ibonise ukuba ama 43.6% yabantwana abaminyaka I 1-5 ubudala kunye nama 27% abantu ababhinqileloyo abakulungeleyo ukuthwala abantwana/ukumitha bahlutswa kuku nqongophala kwe vithamin A (VAD ngelase mzini).
Ivithamin A inceda amehlo abone ngokuqhelekileyo nokuba amajoni omzimba ahlale esempilweni (ukulwa ukosuleleka kwezifo). Ukunqongophala kwe vithamin A yimiphumela yokungatyi ukutya okwaneleyo okuzele zizinongo ze vithamin A.
Ukutya imifuno ezele zizinongo ze vithamin A, ezifana ne bhatata ebomvu licebo elixhaswa yi khansile yezolimo – Agricultural Research Council (ARC) ukuze kuncitshiswe oku kunqongophala. Ibhatata ebomvu iluncedo olukhulu kwinqubo yokutyisa abantwana ezikolweni.

Ibhatata Ebomvu - Sisityalo Zizinongo Nekulula Ukusikhulisa

Ibhatata ngumthombo obalaseleyo ekunikeni amandla, ikwaqulathe ne vithamin C ikwanalo negalelo kwi vithamin B ne minerali ezifana ne magnesium, zinc and iron ezibalulekileyo kwisidlo somntu. Inika imilinganiselo emininzi ye vithamin A ngohlobo lwe beta-caroten. Uninzi lwe beta-carotene luphuhla ngethuba ibiliswa. Ukukwazi ukuphucula isimo se vithamin A kungqinwe yi Khansile yezobuchwepheshe bamayeza o Mzantsi Afrika - South Africa Medical Research Council. Esi sityalo sesisetyenziswe ngobuninzi ukungenelela udabi lokunqongophala kwe vithamin A kumazwe I Mozambique kunye ne Uganda, yaye ibeyimpumelelo enkulu.
I ARC iphuhlise iintlobo zebhatata ebomvu ezinencasa enambithekayo, ezibanesivuno esiphezulu kunye namaxolo omileyo azele yi beta-carotene. Uhlobo I BOPHELO iqulathe
Ama 7700µg/100 g lwegaqa elibilisiweyo (okanye 640 µg/100 g) retinol activity equivalents (RAE). I 100 g yesiqingatha esibilisiweyo sale bhatata ibomvu inika phantse zonke izinongo zomzimbaa ezidingwa phantse ngabantu abakuyo nayiphi na iminyaka.

Indlela Zokuyikhulisa

Esi sityalo si ethe-ethe kwi qabaka, oku kuyalicaphazela ixesha lokutyala:
Ingingqi
Encinic ukuya Kwephakathi
Iqabaka Engamandla
Engenaqaka
Imvula Zobusika
Iinyanga Zokutyala
Phakathi ku Okthoba ukuya Disemba
Phakathi ku Nov ukuya ekuqaleni kweyo Mnga
Agasti ukuya Matshi
Novemba ukuya Disemba
Abalimi bangasebenzisa utyalo olucothayo ukutsala ixesha ezifumaneka ngalo phakathi enyakeni. Ngokuthi batyala rhoqo ngenyanga ukususela kweye Okthobha ukuya kweyo Mqungu, ukuze bakwazi ukuvuna ukusukela kweye Februwari ukuya ku Agasti kunyaka olandelayo. Iibhatata ziveliswa ngokuthi kusikwe iziqu zezinye izityalo zebhatata ; 20-30cm ubude zityalwe kunye nengcambu ezi 3-4 phantsi komhlaba.
zikhewu phakathi kwemiqolo ingaba kuma 0.75-1m ze kubekho izikhewu ezingama 25-30 cm kwimiqolo nganye. Ukutyala kwimbumba yomhlaba kuyakhuthazwa kuba isandisa amathuba okuvelisa isivuno esinokuthengiswa esinomonakalo omncinci kwi bhatata ngethuba lesivuno. Vuna ibhatata emva kwenyanga ezi 4 ½ (kwingingqi ezishushu) ukuya kwiinyanga ezi 5 (kwingingqi eziphakathi) emva kokutyalwa. Zininzi intlobo zemveliso ezinokwenziwa ngazo ezifana ne tships, jusi kunye ne donatsi.

Ukubakho Kwezixhobo Zokutyala

Izityalo ezisikiweyo zithatha kwi qumhru eliyi Sweet Potato Vine Association (SVGA) labakhulisi ngengxwa (ioda ezininzi) okanye nge bhantshi (oda ezincinci). I ARC inika abatyali izityalo ezisikiweyo ezixilongelweyo izifo, iqinisekisa ukuphathwa ngendlela kwendawo ezikhulela kuyo malunga nezifo nokukhusela izonakalisi ukuze zivelise izityalo ezisemgangathweni. Inani elikhulu lezi zityalo zisikiweyo ze ARC ezintsha, abatyali be bhatata bangazifumana ukuqala ku Agasti ukuya ku Epreli.

Translated by Aviwe Damane