Hawk Eagle
Ixhalanga

© Shem Compion
African hawk eagle.

Intlalo

Ixhalanga lisasazeke ukuqala emazantsi e Sahara ukuya emazantsi endawo ezinengqatsi zelanga eMzantsi Afrika. Avamise ukufumaneka kwindawo ezinemithi eshinyeneyo. Zikwavamise ukubonwa nakwi ndawo ezizinduli nemixethuka yasemaphandleni. Aziwathandi amahlathi ashinyeneyo ahlala eluhlaza. Ingqweji ye Xhalanga ilinganiselwa kwi 3 feet iyonke, yenzelwe kwihlahla lomthi omkhulu.

Isidlo

Lithanda ukutya iintaka ezibukhulu bulingana ne Mpangele. Kuqikelelwa ukuba isakhwatsha yeyona ntaka liyitya kakhulu. Ixhalanga liyazitya nezilwanyana ezinenyawo ezine. Ezifana no Nomatse, namacikilishe ke aliwachasanga.

Ukuzala

Zivamise ukuzalela ukuqala kweka Canzibe ukuya kweyeKhala. Imazi nenkunzi ziwafukama zombini amaqanda kangangesithuba sentsuku ezingama 44. Linye kuphela eliye likhuliswe, ngenxayokuba aye atyane odwa.

Inkangeleko

Lentaka isenokuba nkulu okanye ibe phakathi, umntla wayo umnyamarha, ize ngaphantsi ibemhlophe nangona inamachaphaza amnyama, nqaphandle kwamanqina. Namehlo amakhulu amnyama, kuze phantsi kwe phiko libemnyama namachokoza amhlophe amakhulu.