i-Galikhi Ngokwesiqhelo

©Louise Brodie
Igama leSayensi: Allium Sativum
Igama lesiqhelo: Igalikhi
Imveliso yegalikhi yenzeka kulo lonke ilizwe kodwa ibe iphuma kumazwe ase Europe nakumbindi wase Asia.

Inkcazelo Ngesityalo

Esisityalo sinengcambu ezikroba ngaphantsi kwegaqa ezenziwa ngamagaqana aphakathi kwayi 6 ukuya ku 8. Isiqu sayo simfutshance kangange sentimitha eziyi 6, kwaye ikrobe ngaphezu komhlaba. Ukusuka apho kukhona amagqabi afana nengca aphumela ngaphezu komhlaba kangange sentimitha eziyi 15 ukuya ku 20. Amagqabi wona ayafana kodwa ahlukile kumagqabi wetswele kuba wona ambaca, nangona amagqabi wetswele wona embaxa.

Umsebenzi

Igalikhi isetyenziswa ekunyangeni izigulo ezithile, kwaye kukholelwa ukuba inciphisa ifuthe legazi emzimbeni kunye nolawulo lwe-kholesterol futhi isetyenziswe njenge siqholi sokutya kangange minyaka eyi 5000.

Iimfuno Kunye Nolungiselelo Lomhlaba

Eyona mihlaba ichuma kuwo yimihlaba eyisanti exubene nomhlaba omnyama enendlela yokuchitha ephucukileyo kunye ne pH engange 6 ukuya ku 7. Lemihlaba kufuneka ityebe ngomgquba. Ukuba kuyimfuneko xuba umgquba kakuhle phambi kokutyala, xa ulungisa umbambatha indawo sokutyala. Umhlaba kufuneka uhlakulwe ukufika kubunzulu obungange 20cm. Lamalungiselelo alawula ukhula kumhlaba ongaphezulu.

Imozulu

I-galikhi ingakhuliswa kwizimo zezulu ezininzi. Awona maqondo obushushu afanelekileyo kwixesha layo lokukhula aphakathi kwe 12 kunye ne 28. Ingamelana nemozulu ebandayo kunye neshushu kodwa oku kuphungula izinga lokukhula kunye nobukhulu begaqa. Ayikwazi kumelana neengxaki zokufuma ngenxa yobufutshane beengcambu zayo. Bubuchule ukutyala phantsi kweemeko zamanzi ezilawulekayo ungaxhomekeki kwimvula xa nilindele isivuno esikhulu.

Abalimi

Zimbini iindidi ze galikhi. I-Soft neck galikhi kunye ne hard neck galikhi, kwaye uhlobo ngalunye luneendidi ngeendidi.
Olona hlobo luxhaphakakileyo eMzantsi Afrika luhlobo lwe soft neck kuba luqinile kwaye lungagcinwa ixesha elide. I soft neck galikhi inamagaqana amaninzi ngaphaya kwe hard neck galikhi, yona ethanda ukuba namagaqana amakhulu ambalwa. Enye into ekhusela amagaqana e soft neck galikhi, kukuba iinamakhatshu amaninzi enza isikhumba esigqume lamagaqana. I Hard neck galikhi yona inamakhatshu ambalwa anqinileyo enza isikhumba sayo kwaye ayigcineki kakuhle.
Iindidi ze Soft neck galikhi: Silverskin kunye ne Artichoke
HarIindidi ze Hard neck galikhi: Rocambole, Porcelain kunye ne Purple Stripe

Translated by Aviwe Damane