Iinkowane kunganzima ukuzilawula xa kulinywa izityalo ezingenazo iikhemikhali; izithinteli ezithengiswayo zizifafazi ezenziwe nge khopha. Indlela entsha yoku khawulelana neenkowane kukuvelisa iinkowane ezilulutho. Yeyona ndlela iqhelekileyo kwimveliso ezingaxutywanga yokuzilawula.
Iinkowane ezilulutho zininzi kwaye zenza ukhuphiswano nezi ziyingozi. Ezinkowane zilulutho zikhuphisana nazi ziyingozi kwaye ziyazitshabalalisa ziphele. Zininzi iintlobo zenkowane ezinokusetyenziswa, kodwa ezaziwayo zi Bio-trichio. Faka ezinkowane kwizityalo nomhlaba. Phantse sonke iinkowane azidibani nomgubo we sulfure.
Enye indlela kukufafaza umxube wamacephe amathathu we viniga exutywe ne litha (1 litre) yamanzi. Indlela eqhelekileyo xa izityalo zisuleleke ziinkowane kuku fafaza ngomxube wobisi namanzi. Lomxube yikomityi yobisi, ikomityi ezine (4) zamanzi ne tispuni, sepha yokuvasa izitya engamanzi. Ubisi lune fungi elingileyo ezakoyisa le indala. isepha inceda umxube udibane namagqabi ungavuzi nje.
Amafama ase Melika alima izityalo ezingaxutywanga asebenzisa iinkowane eziluncedo ukuthomalalisa isitshabalalisi. Iintsholongwane ezifana neTrichoderma (T. konini ne T. harzianum), Streptomyces griseoviridis ne Bacillus subtilis zijongwa kwingcambu okanye zisetyenziswe ukulungise iimbewu phambi kokutyala.
Yandisa iintsholongwane eziluncedo emhlabeni ukuze zikhule izityalo. Isetyenziselwa izifo ezifana ne Pythium, Rhizoctonia, Botritis, Scelerotinia, Fusarium, Phomopsis, Alternalia ne Aspergillus.
Translated by Zikhona Plaatjie