Pearl-spotted Owlet

© Karl Svendsen
Pearl Spotted Owlet.

Igama

Isihulu-hulu

Inkangeleko

Isihulu-hulu sesona sikhova esincinci ku-Mzantsi Afrika wonke. Isisikhova esingenandlebe. Zinentloko ezimnyama kunye nobuso obumhlophe. Umntla wazo untsundu aphinde abenendawo ezimhlophe. Umphantsi wazo wona unomzila ontsundu, amehlo wazo atyheli.

Itya ntoni

Zitya iindidi ezahlukileyo lezinambuzane, amalulwane kunye neempuku. Zaziwa ngokuthatha ihobe, eliweyisha kangange-200g, leyo yimpumelelo kuba esisikhova siweyisha kangange 85g. Kodwa zitya kakhulu izinambuzane, kwaye amandla wayo ayivumela ukuba ikwazi ukuthatha iintaka ezingange hlokohloko elikhulu, izilwanyane ezanyisayo kunye nezilwanyane ezirhubuluzayo.

Ukuzala

Zizalisa pha kweyeThupha ukuya kweyeNkanga bobabini abazali bayawafukama amaqanda kangange ntsuku eziyi 31. Imazi izala amaqanda ama 2-4 emthini, amantsontsho akhula amaphiko kusuku lwesi 31 futhi ayazimela emva kweveki ezimbalwa.

Isimilo

Njengelungu leliqela lezikhova, oluhlobo lusebenza emini. Ikhwelo layo elahlukileyo liyavakala pha kumatshitshilili ehlathi apho oluhlobo luqheleke khona. Zithanda ukuhamba zodwa okanye namaqabane. Isihulu-hulu sinamehlo asemva kwentloko. Lonto iyakwazi ukubhidisa ixhalanga, lingazi ukuba isikhova sijonge kweliphi icala.

Indawo yokuhlala

Zifumaneka emathafeni nasemahlathini, aziyithandi indawo enengca ende, iindawo ezomileyo kunye nendawo enemithi emininzi.

Zifumaneka phi

Zixhaphakile eMzantsi Afrika kwaye zifumaneka kumbindi welizwe nakwiindawo ezinemithi, apho zibonwa unyaka wonke. Zizo ikakhulu izikhova ezithanda ukusebenza emini, futhi zihamba zodwa okanye neqabane.

Igama lesi-Latin

Glaucidium perlatum