Isifo iNewcastle

©Roger De la Harpe
Isifo esibizwa nge Newcastle, sesinye sezifo esoyikwayo senkukhu kwihlabathi lonke jikelele. Kuba asinyangeki, amahrane wokosuleleka kufanele axelwe ngoko nangoko kwincutshe yempilo yezilwanyana okanye kugqirha wezilwanyana ka hrulumente, nozakuthi ancede singandi esi sifo.
Ukuvumbuluka kwesisifo kungabaphakathi ukuya kweisxakileyo, kuxhomekeka kumandla esi sifo, ukukwazi ukumelana kwenkukhu nesifo kunye nobudala bentaka eyosulelekileyp. Inkukhu okanye I-Turkey zifunyanwa lula sesi sifo kunama rhanisi namadada, logama ezinye indidi zentaka zalapha zingafane zichaphazelekexa zikwimo elungileyo.
Le ngculaza iyosulela kakhulu. Inganwenwa ngetela yentaka ezosulelekileyo, intake ezingaguliyo zingosuleleka xa zisitya ukutya okungcoliswe yitele; ingakho nase moyeni. Inganwenwa ngokuhamba kwentaka, abantu okanye impahla yab, izixhobo zokusebenza kunye nezinye izinto ezisetyenziswa kwii hook.

Omakuqatshelwe

Ingxaki nge Sifo iNewcastle kukuba akukho mpawu zithile, oku kubangela ukuba esi sifo sibhidaniswe nezinye izifo. Iintaka zisenoku ngabinamandla, zityhafe, zingakwazi ukuhamba okanye zibe nkene nkene. Kodwa kungangabikho mpawu yokosuleleka ngaphandle kokufa kwentaka ngesiquphe. Iintsiba zentak zisenokuba vuku vuku kwaye zingatya kancinci kunesiqhelo. Kwezo zizalelayo, umgangatho wamaqanda eziwabekayo ungehla, amakhoba amaqanda athambe okanye ame kekeleyo kwaye lendawo imhlophe ibengamanzi.
Ezinye iimpawu zizakuxhomekeka kwilungu lomzimba elosulelekileyo. Utyatyazo olu luhlaza okanye olumhlophe lungabonisa ukuba isisu sichaphazelekile. Iimpawu ezibonisa imingxunya yomoya ukuba isulelekile kuquka ukuphefumla nzima, ukuphefumlela phezulu, ukukhohlela, ukuhefuzela okanye ukuthimla. Intloko kungenzeka idumbile. Impawu zemithambo zingaquka ukungcangcazela kwezihluni, ukududuzela, ukuhamba nzima okanye ukuhamba nzima okanye zingakwazi kwaphela ukuhamba. Intloko yentaka ingajikwa okanye ifakwe phakathi kwamanqina okanye intaka ingajukeleza ndaweni nye.
Xa kuhlolwa unobangela wokufa, ubukho besi sifo bungabonakaliswa kuku:
  • Ukopha kwesisu namathumbu.
  • Amachokoza amancinci abomvu emanqatheni ajikeleze intliziyo okanye amathumbu
  • Amanzi empumlweni okanye emarhanane
  • Umqala ungabomvu okanye ubonakalise amachokoza abomvu amancinic ngaphakathi

Unyango

Kuba lingekho ichiza, intake ezifunyenwe sisifo iNew Castle kufuneka zitshatyalaliswe. Ukuba sithe sabonwa, uchwephesha wempilo yezilwanyana okanye ugqirha wezilwanyana anganqanda esisifo singanweni ngokuthi asebenzise I quarantine, ugonyo olungxamisekileyo, kunye nokutshisa itela yenkukhu kunye nenkuku ezifileyo.
Eyona ndlela yokukhusela esisifo kukugonya kunye ne biosecurity. Khumbula kunjalo ukuba intake eziphilileyo kuphela ekufuneka zigonyiwe (Funda kabanzi nge biosecurity kunye nokhuselo lwezifo).

Translated by Zizipho Silwana