Curlew
Ucelu

Igama

Ucelu

Igama lesi Latin

Numenius arquata

Usapho

Scolopacidae

Ubude

59 cm

Intlalo

Ifumaneka enyeleni yolwandle, emilanjeni egqumayo nakwindawo ezinemilambo ehambayo kwakunye nasemanzini angqongwe ngu mhlaba.

Ufuduko

Lufudukela kwindawo ezinehlobo lusuka kwi ndawo ezinengqele ukuza kumanxweme ethu kwakunye nakwindawo ezinamanzi amakhulu. Zifuduka rhoqo endaweni enobusika.

Isikhalo sentaka

Isikhalo sayo ingathi ngu “khe-li” ophindwa phindwayo, okanye esikrasayo esivakala ngoluhlobo 'khruuwi-khruwi.

Ukuzala

Amaqanda angumbala omhlophe ogqwancu namachaphaza ethe saa amdaka.

Inkangeleko yamantshontsho

Amantshontsho anamachokoza amaninizi apha ngentla.

Inkangeleko yentaka endala

Iinkunzi zinicinane kune mazi. Imitla yazo inamachokoza amnyama nasabuntsundu. Intambo isifuba zinemigca entsundu emikhulu, ngasemva nangaphantsi zimhlophe. Amehlo amdaka ngombala, nomlomo ongwevu, umile okwephondo kwaye mde kakhulu waze wagobela ngaphakathi, uvamise ukukhanya esikhondweni, imilenze ihlaza wengca-bukungwevu.

Isibalo

Intaka efudukayo engazaliyo ehlotyeni.

Ifumaneka phi

Lifumaneka kumanxweme olwandle nakumanzi angqongwe ngamanzi kumzantsi mpuma we Afrika jikelele.