Yintoni Ukulima Izityalo Eziphilayo?

© Surplus People Project
Ukulima izityalo eziphilayo ezaziwa ngokuba yi organic farming yindlela yokusenenzisa iindlela zokulima eziwulungeleyo umhlaba, ezi phucula ukutyeba komhlaba, ukukhusela okungqonge umhlaba nokuqinisekisa impilo yabantu. Amafama asebenzisa iindlela zakudala nezangoku zokulima zizidibanise nophando ukuqinisekisa ukulingana.
Ukulima izityalo eziphilayo ezingaxutywanga kuthetha ukusebenzisa iindlela zendalo kwaye ezilungele ezemihlaba. Akufakwa zichumisi zee khemikhali okanye zitshabalisi zenkumbi ezinekhemikhali. Ukulima izityalo ezingaxutywanga kujoliswe ekwenzeni indawo esempilweni, ukutya okuse mpilweni nabathengi abase mpilweni. Ukuba indawo leyo izilimo zikhuliswa khona isempilweni, nemveliso iyakuba sempilweni, nabathengi babese mpilweni namajoni omzimba omelele.
Ukulima izityalo ezingaxutywanga kuyashiyana kuno kulima okuqhelekileyo. Ukulima ngokwe ‘biology’ kuwulungele umhlaba, kwaye xa kunokwenzeka usebenzise izichumisi ezingaxutywanga, kodwa abavelisi ngamanye amaxesha baye bafake initrogen (N) emhlabeni ukwandisa impilo. Isichumisi ngamanye amaxesha senziwa nge khemikhali. Ukulima okuqhelekileyo kuxa indlela zokulima kwezolimo zisetyenziswa ekufumaneni umyinge omkhulu. Zininzi izitshabalalisi zezityalo, iinkumbi, nezichumisi ziyafakwa kodwa lunye uhlobo lwesivuno esityaliweyo, oku kubizwa indlela eqhelekileyo yokulima.

Indlela Yokudala i-Biodiversity

Ukulima izityalo ezingangxengwanga, izivuno ezohlukileyo zityalwa zonke ukwenza ukwahlukana kwezityalo (bio-ubomi, ukwahlukana = umahluko). Lowo uvelisayo kufuneka abenezityalo eziphilayo kwifama yakhe - iintlobo zezinambuzane, iintaka, ababulali bezityalo nezilwanyana ezimanqina mane kwaye neentlobo ezininzi zezityalo. Ukuba lendlela – yomlaba – ayilingani kwaye kufumaniseka okokuba luninzi uhlobo lwezilwanyane ezinye ingaba sisibetho eso. Umzekelo, xa izikhova zipheliswa efama, iimpuku zingaba sisibetho njengoko kuzakuba kungekho babulali bazo bokuzilawula.
Imizekelo yokulima izityalo eziphilayo okanye ezingaxutywanga kuquka ukujikeleziswa kwezityalo (ukungalimi isivuno esinye rhoqo ngonyaka kumhlaba omnye), ukutyala izityalo ezithile nentyatyambo ezinomtsalane kubabulali bezilwanyane (izinambuzane zitya iinkumbi) nokusebenzisa izithinteli zendalo ezilwa izifo nenkumbi.

Indlela Yokuqalisa Ukulima Kwezityalo

Umvelisi ofuna ukuvelisa imveliso engaxutywanga nakhemikhali (organic) kufuneka abenolwazi loku kulandelayo:
Yintoni elindelekileyo kumfama olima izityalo eziphilayo?
Zeziphi iimveliso ezingavumelekanga xa ubani elima izityalo eziphilayo.
Zeziphi iindlela zolimo ezisetyenziswayo ekulimeni kwaye kutheni.
Ubhalisa njani, uvunywe njengo mvelisi ovelisa izityalo eziphilayo.
Njani/zithengiswa phi imveliso eziphilayo.
Umfama ovelisa iimveliso eziphilayo makaqale afumane umthetho omtsha waseMzantsi Afrika wokulima izivuno eziphilayo emveni koko agqibe okokuba uyafuna na ukuba ngumvelisi wezityalo eziphilayo ngokuse mthethweni okanye alime nje isivuno esiphilayo. Ukugunyaziswa kwenziwa yi Afrisco, umzimba owaziwa ngokuba yi South African Organic Certification Body, ogunyaziswe phantsi kwe IFOAM (International Federation of Organic Agricultural Movement) nemithetho yayo. Ikhona imali ebhatalwayo ngonyaka ukuze umhloli ahlole rhoqo ngonyaka.
Abavelisi abavunyiweyo ukuvelisa izivuno zezityalo eziphilayo bafumana inombolo yobhaliso kulomzimba ugunyazisayo onomfanekiso walomzimba. Ngokufanayo bakhuselwa ngumthetho babhalisa njengabavelisi abavelisa izityalo eziphilayo. Umvelisi akukho sidingo agunyazise ifama yakhe yonke okokuba ivelisa izityalo eziphilayo kwaye akukho sidingo agunyazise sonke izivuno sakhe, kodwa kufuneka kubekho umhaluko othe gca Phakathi kwezigunyazisiweyo ngokuba zi’organic’ naphakathi kwesivuno esiqhelekileyo.
Likhona ixesha lokutshintsha ekuqaleni kokulima isivuno esiphilayo, lixesha elithathekayo ukutshintsha ekulimeni okuqhelekileyo ukuya kulimo oluphilayo/olungaxutywanga kwaye elixesha lisekwa ngokwemithetho yezolimo lwesivuno esingaxutywanga. Ixesha lolutshintsho yiminyaka emibini kwi sivuno sonyaka esifana nemifuno neminyaka emithathu kwi mveliso eziveliswa rhoqo ezifana nemithi yeziqamo nefama zemidiliya.

Translated by Zikhona Plaatjie