White Rhino
Umkhombe

© Roger de la Harpe

Igama

Umkhombe (Ceratotherium simum)

Inkangelengo

Umkhombe sisilwayana somhlaba sesithathu ngobukhulu. Mkhulu, utyebile kwaye waziwa ngokungabi nokungabina ngcwangu njengo Bhejane. Eneni lamaphondo awo mabini ohlukileyo zi fayba ezininzi ezipakisheneyo, ngoko ke ayizompondo zokwenyani. Ubude obushicelelweyo lwemondo zawo buyi 1.58 m. Iinkunzi, ezinobunzima obungama 2000 kg, zinkulu kune mazi zona ezinobunzima ubufikelela kuma 1800 kg.
Amagxa wenkunzi anobude obu Ubude obushicelelweyo lwemondo zawo buyi 1.58 m. Iinkunzi, ezinobunzima obungama 2000 kg, zinkulu kune mazi zona ezinobunzima ubufikelela kuma 1800 kg. Amagxa wenkunzi anobubanzi obuyi 1.8m. Isikhumba sawo esingwevu siphantshe asabinaboya. Unomlomo owakheke okwesi kwere, nomlomo obanzi. Imikhombe inesifombo entanyeni. Incanca yawo ijonge ngemva namasende asezantsi kwesinyi.

Isidlo

Umkhombe utya ingca kuphela. Ukholwa yingca emfutshane, kodwa uyayitya nesele index a emfutshane ingafumaneki. Umlomo wawo obanzi wenza kubelula ukugrwangxula umthambo omkhulu, usebenzisa imilebe yangentla nangezantsi.

Ukuzala

Nangona ixesha elininzi zimitha ngexesha lobumanzi, esi silwanyana sikhulu asinaxesha libekekileyo lokuzala. Amathole azalwa xakuqala ixesha lokoma emva kokumitha iinyanga ezili 16, kwaye ahlale nonina kangange xesha leminyaka emibini okanye emithathu ade unina azale ithole elilandelayo. Iimazi ziqala ukumitha xazineminyaka ebalelwa kwisibhozo kwaye iinkunzi zifikela kwixesha lenkanuko zokukhwela xazineminyaka eli 10-12. Zikhwelana into engapha kweyure yonke.

Ukuziphatha

Nangona unemilenze emifutshane eziziqishimba, umkhombe ubaleka ngamendu amangazayo, kodwa imiganyana nje engayangaphi. Iinkunzi ezinebango ngendawo zizihlalela kwindawo ezizikhilomitha ezimbini ukuya kwezintlanu, kodwa inkunzi enye ukwenyuka ingabelana nezinye ngomhlaba.
Iimazi zingahlala nezikunzi zinobango ngendawo. Inkunzi enobango ngendawo ingazama ukugcina imazi evumayo ukukhwelwa kwaye imane idibana nayo kangangentsuku ezintlani ukuya kwezilishumi phambi kokuba iyikhwele.

Apho ifumaneka khona

Ekuqaleni yayikade ifumaneka kwingigqi ezinamathafa asendle e Mzantsi Afrika. Ngo 19 sentyuri yayitshatyalaliswe nya ngabazingeli, ngaphandle kwengingqi yase Mfolozi Kwazulu-Natal. Nangona liphinde landa inani lazo kwezi kwezingingqi yayitshatyalaliswe kuzo, zisajongene nobungozi bokuzingelwa ngokugekho semthethweni obubizwa nge poaching.

Amanqaku asendle

Umkhombe yinkxalenye yezilwanyana ezintlanu ezinkulu i Big five ukutsho, kodwa ngenxa yokunqongophala kwawo ubhejane naye uzibhaqa sele eyenye yeentandane zabatyeleli base Afrika. Awukho mkhulu kangako umahluko wombala ka Bhejane kuno wo Mkhombe, igama lawo lesingesi i White Rhino lisukela kwigama lesi Dutch elingu ‘wyd’ nelibhekisa emlonyeni wawo obanzi. Eligama kwakucingwa lithetha umbala omhlophe. Umkhombe mkhulu kuno Bhejane.