uMahluko Phakathi kwe Nkomo zo Bisi

Iintlobo ezine ezivelisa ubisi- Holstein, Jerseys, Ayrshires kunye ne Guernseys, ziyohluka ngoko bunzima bazo ziphila, ubungakanani bobisi kunye nobume balo, kodwa ke lomahluko phakathi kohlobo ubamkhulu.

©Louise Brodie
Holstein cows are high-yielding dairy cows and comes in 'red' or black varieties.
iHolsteins – zinemigca ecacileyo, zivame ukuba mnyama namhlophe ngombala, nangona ubomvu nomhlophe ubakhona naye. Yinkomo eyomeleleyo esindayo kuma 550 ukuya ku 750 kg, kwaye ivelisa ubisi oluninzi kakhulu, amafutha obisi aphakathi 8550 kg kuncanciso lwentsuku ezingama 305 phakathi iilitha ezi (28 litha/ngemini).
Ukutyeba kobisi kuphakathi ko 3.0% ukuya ku 4.2% logama iprotein iphakathi ko 2.5% ukuya ku 3.8%. xa ukutya kunqongophele okanye kungekho sempilweni, lenkomo inomzimba omkhulu iyi Holstein ayizulunga. Nje, iiHolstein, zisetyenziswa xa kufuywe iinkomo ezingasiwayo emadlelweni ezifana ne zindlu okanye iinkampi.
Zityiswa umlinganiselo oxutyiweyo one ngca nengqolowa, nemixube (kuthengwe pellets ezinikeza amandla ne protein) zixutywe ngoko bisi okanye uhlelo loncanciso. Kuba uhlobo lwe H olstein lelona likhulu kwihlabathi lonke elivelisa ubisi, inani elininzi lotata likhona lokumithiswa. Oku kuthetha okokuba kungenzeka ukugcina inkqubela ngoko fuzo ukuze kuveliswe ubisi logama kuzanywa ukwenza ngcono inzala.

©Chris Daly
Jersey cows are small friendly animals producing milk with a very high butterfat content.
iJersey – zinkomo ezincinci, ezimdaka ngombala namhlophe ezinobunzima obungu 350 ukuya ku 450 kg. imveliso yobisi incinci xa kuthelekiswa neye Holstein, eqikelelwa ku 5000 kg ngexesha lokuncancisa nangona ubisi lwe Jersey lunezinga eliphezulu lokuqina; amafutha angu 4.0% ukuya ku 5.5% ne protein engu 3.5% ukuya ku 4.5. iJersey zinawo umsindwana, logama iinkunzi ze Jersey zidume ngobu ndlobongela. iJersey zisetyenziswa xa kufuywe inkomo ezitya emadlelweni kuba zitya kakuhle emadlelweni, kwaye zidinga amazinga aphantsi omxube ngenxa yokuvelisa ubisi oluncinci.

© Ayrshire Cattle Breeders’ Society
Ayrshires are suitable for warm and cold climates and have good udders and strong legs.
iAyrshires- zizilwanyana ezomelelyo ezinamabele athe nca. Umbala wesikhumba sazo ubuku khaya, nzulukumbala obomvu/ngathi ufuna ukuba mdaka odibene nomhlophe. Ubunzima be Ayrshire buphakathi ko 400 ukuya ku 600kg. imveliso yobisi, amafutha ne protein iphakathi kwe Holsteins ne Jerseys.

©Lucinda Morgan, The English Guernsey Cattle Society
The Guernsey dairy cow is extremely docile and her milk is excellent for cheese production. This cow was the 2018 champion and belongs to the Mann family of Trewey farm in Zennor, Cornwall.
iGuernseys – zinkomo eziphakathi ngobukhulu ezinobunzima obuphakathi ko 400 ukuya ku 550 kg. imveliso yobisi nokwenziwa kobisi (amafutha ne protein) aphakathi kwe Jersey ne Ayrshires.

Translated by Zikhona Plaatjie