Ukutyala I-Origano

Ukusasazwa Kwezityalo

©Louise Brodie
Usasazo lwezityalo lwenzeka kwimbewu, kodwa i-origano ingasasazeka ngokutyala imbewu esikiweyo okanye ngokwa hlula-hlula isityalo esele sikhulile, sityalwe ngaphandle.

Indlela yoku Tyala

I-Origano etywalwa ngabathengisi sele ininzi kakhulu kuye kutyalwe izithole ezithe zaveliswa kwindlu eluhlaza (greenhouse). Imbewu ityalwa kwii treyi zezithole ezisibhozo ukuya kwishumi le millimetres ubunzulu. Xa imbewu sele idubulile kwaye sele kukhule izithole ezomeleleyo, ziye zithathwe ziyokutyalwa egadini okanye entsimini.

Ukuqelelana

Izityalo ze Origano kufuneka ziqelelane ngama 30 cm kwimiqolo eqelelene ngama 50 cm. Kwindawo yezityalo eziqikelelwa kuma 60 000 wezityalo ngokwe hektare. Faka iganda-ganda yokugangatha imiqolo ishiyelwa ulawulo lwaba phetheyo nokuvuna.

Ixesha loku Hlwayela

Hlwayela imbewu ye oregano kwiitreyi ze oregano kwindawo ekhuselekileyo okanye kwindlu eluhlaza ngexesha lonyaka uJune naxa kuqala intwasahlobo, izithole kufuneka zibe sele zomelele ukuba zithathwe ziyoku tyalwa ngaphandle.

Ixesha loku Tyala

Tyala izithole ze oregano kwangethuba entwasahlobo. eMzantsi Afrika, tyala izithole ekupheleni kwenyanga u-August ukuya ekuqaleni kuka September.

Ixesha Lokukhula

Kuthatha iiveki ezisibhozo kwindlu eluhlaza kuvelisa zithole ze origano ezomeleleyo, kwaye sele zikulungele ukutyalwa ngaphandle. Ukuvelisa i-origano esesemgangathweni esandula kukhiwa, abanye abavelisi baqala bavune indawo ezingaphezulu ezikhulileyo zayo kusekutsha kwiveki ezisibhozo ukususela kwixesha ebezityalwe ngalo. Emveni koko ezinye izivuno ezimbini zingavunwa phambi kokuba kuqale ubusika.
Unyaka wesibini wokuvuna ungavelisa imisiko emihlanu ukuya kwemithandathu. Izityalo ze oregano zingavunwa ukuya kwiminyaka emihlanu xa ziphantsi kolawulo eluluqilima. Izityalo ziyaqalisa ukuphulukana nokubaluleka kwazo xa zibandala, kuyacetyisa okokuba izityalo zitshintshwe rhoqo kwiminyaka emine ukuya kwemihlanu.

Ukuchumisa

Phambi kokutyala i-oregano,umhlaba omncinci oyisampula yomhlaba kufuneka ithathwe, ithunyelwe apho kuhlolwa khona umhlaba. Oku kuzakwenza okokuba lwaziwe uhlobo lomhlaba kunye nemfuneko zesondlo somhlaba ukulungiselela isivuno esizakutyalwa.
Imiqathango nje ethile, lemiyalelo ilandelayo ingasetyenziswa xa umhlaba ungahlolwanga. Okokuqala faka ama 450 kg kumlinganiselo ongu 3:1:5 ungasasazwa kwaye ufakwe kumhlaba ongaphezulu ongama 20 cm phambi kokutyala izithole ze oregano. Konke oku kunikeza izithole ezintsha isiqalo esilungileyo ukuze zichume.
Kwinyanga zokuqala ezilishumi elinambini, kubalulekile ukugcina izityalo zikhula, yiyolonto kubalulekile ukuphinda ufake kabini ama 300 we 3:1:5 ingaqatywa kwimiqolo yezityalo, komnye ngo December, kunye nango April. Kuyacetyiswa okokuba kuchunyiswe emveni kokuvuna rhoqo.

Uku Nkcenkceshela

Nangona isityalo se oregano somelele, ukufuma okwenziwa ngumva ndendwa kuzakumisa ukukhula kwehlise imveliso ehlaza. Ukunkcenkceshela kakhulu ngapha komlinganiselo kwenza izifo kwingcambu, izityalo zingakwazi ukuphefumla kunye nokwehla kwizinga lemveliso ye oli kunye nomgangatho wayo.
Kungcono ukutyala izixhobo ezijongana nokufuma ukuze ziqhubeke ukujongana ne oli. Kuxhomekeke kuhlobo lomhlaba nesimo sezulu, amazinga okunkcenkceshela ayohluka kwintsimi nganye.
Umlinganiselo olungileyo uphakathi kwama 25 ukuya kuma 30 mm ngeveki ngexesha lasehlotyeni xa kanye kushushu kakhulu ze kwehliswe ngexesha ekubanda ngalo okanye ngeenyanga ezinethayo enyakeni. Musa ukunkenkceshela kwiveki eseleyo phambi kokuvuna, kodwa manzisa ngokukhawuleza emveni kokuvuna ukuze umhlaba ubuyele kumazinga okufuma alungileyo nokwehlisa umvandedwa kumhlaba.

Translated by Zikhona Plaatjie