Ukubanjwa nokuhlala bucala buka Dr. Peter Magubane

© David Meyer-Gollan

Inqindi lenkohlakalo lokuvala umlomo

Imini nje eqhelekileyo ngomhla ka 1969 ngeyesilimela (June) yaba kukutshintsha kobomi kwintatheli yendaba uPeter Magubane . inqindi lenkohlakalo lokumvala umlomo latsho kabuhlungu.

Akho kokuqala ehlukunyezwa ngama polisa, kodwa kwelityeli uyarhuqwa usiwa kwintolongo yase Pitoli. Apho angcikivwa ngemibuzo khona ngama polisa. Bamnyanzela abaxelele okokuba ‘ uthunyelwe ngamakomanisi na ukubonakalisa uMzantsi Afrika kakubi’. Bamenza ame ngenyawo intsuku ezintlanu (5) nobusuku bazo kumatye angazinzanga ahlabayo, uPeter waqukuleka wawa phantsi ngosuku lwesihlanu.

Wabakugcino olu lodwa de kwaba yinyanga ye Dwarha (October) ngo 1969, apho wabekwa ityala phantsi komthetho we ‘Suppression of Communism Act’. Ukubekwa amatyala kwaqhubeka. Ngenyanga yomdumba (February) ngo 1970, emveni kokuba efunyaniswe engenatyala kwizithyolo ebebekwa zona, waphinda wabanjwa ngokukhawuleza, enkundleni. Waqhubeka ke ekuvalelo labucala.

Ngeye Thupha (August) ngonyaka ka 1970, wagwetywa kwakhona, ngaphatsi komthetho owaziwa ngokuba yi ‘Terrorism Act ‘ kwakhona ngo March ngo 1971, phantsi komqolo wesithandathu kwi ‘Terrosrism Act’- Apho ke waye wavalelwa engazi ukuba uyakuphuma nini. Ekugqibeleni wakhululwa ngonyaka ka 1971. UPeter Magubane ke wachitha ngokupheleleyo iintsuku ezingama khulu mahlanu , anamashumi asibhozo , nentsuku ezintandathu (586) eluvalelweni labucala.

Ungalibali, Kodwa xolela

Wanyanzeliswa ke ukuyeka umsebenzi kwi phepha ndaba I Rand Dialy Mail waye esephantsi kweminyaka emihlanu (5) yoku ngavumeleki ukuya emsebenzini ngonyaka ka 1972, wawophula lomthetho ze wavalelwa inyanga ezintandathu (6) entolongweni. ‘Ndibhatele ixabiso ngokuba ngumfoti kweli lizwe, ‘ uyabalisa. Uthe esaku phelelwa umyalelo wokuba angayi emsebenzini ngo October ngonyaka ka 1975, wabuyela ke emsebenzini wakhe eRand Daily Mail.’

Akekho nomnye owayenokundi valela ekuthetheni inyaniso!’ Ngokuzithemba ke uyabalisa ukuba wafumana njani indlela yokuphila kuvalelo labucala. Amandla akhe ayesuka’ ku Thixo ‘ , utsho ke evula isifuba ngalomba. Uthi, ‘kwaye ndandiyazi ukuba andenzanga nto mntwini!.‘Eyona nto ndandiyenzile ukuthatha imifanekiso yabantwana ababesebenza ezifama.

Uyacinga, ‘ ndandiweva amanye amabanjwa ekhala ubusuku bonke, bengcungcuthekiswa. ‘Ukuba ndandicinga ndim ndedwa, ngendaphambana entloko’ kwandinceda kakhulu ukuyazi okokuba andindedwanga kulo ntlupheko. Kwakukho abanye ababe sokola kakhulu kunam, eRobben Island, bechitha izigwebo zentambo/zobomi Namhlanje uyindoda ethobekileyo, ekhawuleza ukuhleka, kucace gca ukuba zange avumele indzondo igcwalise intlziyo yakhe. Sukulibala , kodwa xolela. Kufanele uqhubeke nobomi.

Indawo Yase Robben Island

iRobben Island ingumgama omfutshane ukusuka kunxweme lwase Kapa. Uyayibona xa use Table Bay, Bloubergstrand, Sea Point kunye nase Camps Bay,...more

iRobben Island: Intilongo Yabaninzi

Imo yakwesi siqithi ngeminyaka yoo 1700 kunzima ukuqiniseka ncam ngayo ngoba akukho mpepha zishicilelweyo kwaye nokungabikho kwezakhiwo. Kod...more