Ubuchule Bemizobo kunye Nemisebenzi Yezandla yama Pedi

Umculo Nomdaniso

©Dr Peter Magubane

Imisebenzi yezandla yobuchule ebalulekileyo kuma Pedi iquka okwenziwe ngomdongo, ukukalika izindlu, ukusebenza ngama planga (ingakumbi ukwenza imigqomo), imisebenzi yenkcenkce kunye neentsimbi. Umculo wesintu (mmino wa setso) unesikali esimile kathandathu, esasifudula ukudlalwa kwisixhobo somculo kwisikhuni somthi esitsalwayo (dipela).

Kulemihla iimvumi zisebenzisa izixhobo zomculo ezifana nesixhobo I’jew’s harp’ kunye ne German autoharp (harepa) zona ke zide zaqheleka kuma Pedi. Kodwa kuqikelelwa okokuba eyona yaziwayo ngumdaniso we kiba, wawusenziwa emakhaya kodwa ngoku yenziwa nangabo bafikayo.

Owamadoda unothotho lwabadlali, nganye ine nkcenkce ekugqibeleni kwenqawa enesandi esivakala sodwa (naka), inikeza umculo nesandi esisulungekileyo. Amadoda ayenxiba ikiliti (kilts) (ibuyela umva kubanda kanyo lwama Pedi nogxa babo ngexesha lomlo wesibini – World war 2) benxibe isinxibo sesintu.

Eyomama yayinee ngoma (dikosa) apho bathi bafakelele amagama kwingoma endala. Ukucula nokudanisa ikiba yenye yamatyeli ambalwa apho abafazi baye banxibe iimpahla ezihonjisiweyo ze kgarebe, ezithi zinxitywe emveni kolwaluso. Ikiba yomama notata zikhatshwa sisandi semigqomo (meropa), ngoku eyenziwa ngemigqomo ye oli namaqokobhe obisi.

Translated by Zikhona Plaatjie