Mandela Ngokubhalwe ngu Advocate George Bizos

iVolontiya Eliphezulu

©Eric Miller

Ngubani lendoda ikhuthaze abantu abaninzi kangaka? Uadvocate George Bizos, nowazana no Mandela kangange cala le Sentyuri waze wamkhusela nakwi Rivonia Trial ekuqaleni kweminiyaka yoo 1960, tyala elo laphela ngo Mandela egwetywa iminyaka engama 27.

Lo ka Bizos umchaza uMandela njengo ‘fafa olude, olunomkhitha, olunxiba kakuhle, indoda ezithembileyo, kunye “bambela levolontiya’ ekuthatheni inxaxheba kwi Defiance Campain, esenza iintetho kwi lokishi yase Alexandra kunye nase Freedom Square e Soweto.’ uBizos wathetha banzi ngokwazana kwakhe no Mandela ngethuba ekwinkqubo ka mabonakude ekwi e-TV, ne sasazwa ngu Debora Patta kwinkqubo yakhe iThird Degree ngomhla wama 05 Juni 2007.

Wathi uBizos, ‘ Waye ngumntu apha onokumhlonipha uphinde uthatheke nguye. Wayesaziwa ngokubayinkokheli kwi ANC Youth League.

Ukufundiswa kwee Mbono zika Mandela

uDebora Patta waqaphela ukuba uBizos kwincwadi yakhe ebizwa nge Odyssey to Freedom, wayechaze uMandela ‘Njengendoda engaphumliyo; ebenxiba isuti yakhe imini yonke kwaye wayesoloko ezixakekisa nkqu nangamabanjwa’, etsho esongeza ukuba waqhubeka noku nangelixa aseluvalelweni. ‘Ngaphandle kwama thandabuzo!’ waphendula u Bizos ‘Wayemele umanyano lwabantu abacinezelekileyo esi “nakukwazi ukuba yiya ntlukwano ingakumbi ulutsha, waye soloko eluxhalabele kwaye elumela.

uBizos wabalisa nangendlela uhrulumente wobandlululo enza ngayo izinto. ‘Babecinga ukuba xa bebekele kude amabanjwa ezepolitiki, e Roben Island, lonto izakuwutshabalalisa umzabalazo. Babe phazame kakhulu. Bavula isikolo sabalweli benkululeko, ngoba babesithi bakugqiba izigwebo zabo baphume, bandies iimbono neemfundiso zika Mandela kunye nobunkokhelo bakhe. Oku kwakungabasabenzeli abomthetho.

Ubuhlobo no Mandela

uDebora Patta wambuza, 'Yintoni oyixabise kakhulu ngobuhlobo bakho no Mandela?’ Waphendula uBizos ngelithi: Eneni kukuba wandibonisa indlela kwizinto ezininzi. Ukuhlala esethembeni lokuba ngenye imini bonke abantu base Mzantsi Afrika bayakuze bakhululeke.

Nathi bantu bamhlophe sizakukhululeka kumakhamandela ocalula abanye esisoloko sinawo. Ukunyaniseka kwakhe kubuhlobo babo, kubantu nje abancama okuninzi njengaye kunye naseku kholelweni ukuba kuyakuze kubekho inkululeko ngethuba esaphila.

Translated by Zizipho Silwana

George Bizos and Nelson Mandela

uBizos wacacisa ukuba ixhala lakhe lentetho neyabayi mbali ka Nelson Mandela, newathi wayenza phambi kokuba kuwiswe isigwebo....more