Iinkumbulo zomtshato ongenabantwana kwisiko lakwa Xhosa

uTenjiwe Tutu usibalisela ngebali lakhe lokutshata, lokuba ngumfazi wakwa Xhosa ongakwazi ukuzala abantwana kunye nokuthukwa lusapho lwakhe.

Mna okanye yena?

©Eric Miller

Umyeni wam wayeyindoda elungileyo. Wayesoloko ethetha kakuhle nam kwaye enobuntu. Kodwa xa iminyaka ihamba, zange sikwazi ukufumana abantwana, usapho lwakhe, ingakumbi umama wakhe, wasuka wandikhohlakalela. Wayendibiza inkunzi. Uyabo, eTranskei besisebenzima iinkunzi ezine, zihambe ngamaqabane, ukutyala pha emasimini.

Iinkomo ibingathi ngabafazi, zizala abantwana, kodwa iinkunzi zona bezisebenza umsebenzi onzima, zimane zithatha izigubhu ezikhulu zamanzi okanye ukukhupha iinkuni eziphuma ehlathini. Umama wam wasemtshatweni yena waye wandifanisa nenkunzi kuba bendingakwazi ukuzala. Ndandicaphukile kwaye ndibuhlungu ndifuna ukuhamba.

Umyeni wam wathi, ‘Ungakhathazeki. Ayisithi kuphela abangenabantwana. Abanye abantu abadala abanabantwana kwaye basathandana. Sitshatile kwaye masihlale sisonke side sahlulwe kukufa.’ Kodwa usapho lwakhe lwalufuna abantwana kuthi futhi zange bayihoye into ayithethayo.

Naxa indlu ibigcwele abantwana, bebethetha ngokundigxotha. Bemane beyiphinda phinda ‘Akafani nabanye abafazi, uyinkunzi.’ Yayindibulala lonto. Ndandingakwazi nokuba ndim okanye umyeni wam ongakwazi ukufumana abantwana

Isibeleko esinetyhefu

©Eric Miller

Ngenye imini bandisa kugrirha owathi umyeni wam uphilile kodwa mna ndandifakwe ityhefu kwaye isibeleko sam sasingcolile. Lonto yenza wonke umntu akholelweukuba ingxaki yayikum. Ndahamba ndamshiya uMzwandile ndingamxelelanga nokumxelela, iminyaka emithandathu emva kokuba sitshatile.

Ndandimvela xa ephambi kwamanye amadoda kwaye ndandifuna ukuba akhululeke. Ndandimchithela ixesha kuba ndandingakwazi ukumzalela abantwana, ndacinga ukuba makathathe omnye umfazi. Ndafika eKapa. Zange sathetha ngeloxesha. Kodwa ngenye imini kwakufuneka ndiye eMpuma Koloni, kulapho ndava khona ukuba kudala ebuza usapho lwam ukuba ndizofika nini na kuba wayefuna ukundibona. Bendiyazi ukuba usandithanda.

Ndide ndambona, lo mini leyo yayibuhlungu kwaye walila. Undixelele ukuba akakholelwa ukuba andimlungelanga, nangona wayesetshate omnye umfazi, umfazi owayenabantwana ababini kunye nomyeni wokuqala, futhi wayefuna siwuchithe umtshato wethu. Ngenye imini umalume wam wandinika amaphepha wokucima umtshato kodwa zange ndawafumana kuba ndandingekho sekhaya ngeloxesha.

Ndimane ndicinga ukuba usapho lomyeni wam belwahlukile, ngesisathandana nangoku. Ndimane ndizibuza ‘Kwakutheni singabinabantwana? Ubomi bethi ngebulungile.’ Kodwa naye zange abenabantwana nomfazi wakhe omtsha. Ndicinga ukuba watofwa yinyanga ukwenzela ukuba angabinabantwana.