Imveliso ye Citrus

Imveliso Jikelele

©Louise Brodie

Iziqhamo ze citrus zezona zixhaphakileyo kwaye ziveliswa kwilizwe jikelele. Icitrus iveliswa kwimimandla esakhasayo kumazwe onke ngaphandle kwe Antarctica. Phantse iziqingatha ezintathu zemveliso ye citrus ziveliswa kwi Nothern Hemisphere. Uninzi lwezi ziqhamo ziveliswa kwelase USA nakwimimandla eyomileyo, kodwa ke ilizwe elikhulu elivelisa icitrus yi Brazil.

Imveliso yase Mzantsi Afrika

©Louise Brodie

Xa kujongwe amanani wemveliso, isiqhamo icitrus sesona siqhamo sikhulu kwezintengiso yeziqhamo kwelo Mzantsi Afrika, kwaye sijolise kakhulu kwintengiso yangaphadle. Intengiso ye citrus kweli lo Mzantsi Afrika yeyona yakhe yankulu ethengisela amazwe angaphandle kwi Southern Hemisphere kwaye ibalela ngapha kwama 60% we Southern Hemisphere kwintengiso zangaphandle ze citrus. Ilizwe lo Mzantsi Afrika likwizinga lesibini ngobukhulu kumazwe athengisela amazwe angaphandle icitrus, emveni kwe Spain.

Indawo yeMveliso

©Louise Brodie
©Louise Brodie

Iintlobo ze citrus ziveliswa kwimimandla eyohlukileyo enesimo sezulu esohlukileyo ku Mzantsi Afrika wonke kwaye imveliso iyakhula kakhulu kwilizwe lonke. Ezinye indawo zemveliso zifumaneka kwiphondo lase Ntshona Koloni, Mpuma Koloni kummandla we Orange River kwiphondo lase Northern Cape, KwaZulu-Natal Midlands, Eastern Mpumalanga kunye ne Limpopo.

Ixesha lo Nyaka

©Louise Brodie

Ixesha lonyaka kweli lo Mzantsi Afrika le citrus liqala ngenyanga ka February nge lamuni liqhubeke de ibeyinyanga ka September apho ii-orenji zokugqibela zithi zivunwe.

Intengiso

©Louise Brodie

I-Citrus kweli lo Mzantsi Afrika ithengiswa kwalapha eMzantsi Afrika ze ithengiselwe amazwe angaphandle akufuphi. I-Citrus ithengiselwa amazwe afana ne Europe kunye ne UK, Eastern Europe, iMiddle East kunye ne Asia ne North America.

Imisebenzi

©Louise Brodie

Iziqhamo icitrus zinezinongo ezininzi. Isiqhamo icitrus ziyatyeka kwaye intanga nesikhumba ziye zikhutshwe.

Inwebu, engaphandle kwesikhumba, isetyenziselwa ukwenza incasa ekutyeni nakwiziselo.

Ngaphandle kokutya isiqhamo, icitrus iyafunxwa ukwenza isiselo seziqhamo. Isiqhamo icitrus ne siselo se citrus ziyankonxwa, zomiswe kwaye zikhenkceziswe.

Iintwana ze citrus zisetyenziselwa ukwenza amayeza kunye nemveliso zokuthambisa umzimba.

Translated by Zikhona Plaatjie