Imveliso kunye Nentengiso Yoboya eMzantsi Afrika

© Mohair South Africa
Uboya bebhokhwe i-Angora buchetywa njalo kwinyanga ezintandathu. Umyinge woboya i-fleece uye axhomekeke kwiminyaka yebhokhwe; uboya bamatakane bulingana kangange 500g xa buchetyhwa okokuqala, bona obebhokhwe bulingana ne 2kg, Emveni kokuba zichetyiwe, uboya buyalungiswa, bupakishwe futhi bubhalwe nenkcukacha kunye negama lomvelisi.

Intengiso Yoboya

Amafama wemveliso encinane ayakwazi ukusebenzisa iindawo zokuhlala njenge ngingqi zokucheba uboya kodwa amafama wezorhwebo wona asebenzisa iqela lokucheba elithi lityelele iifama zabo ngexesha lokucheba uboya. Emva kokuchetywa koboya, uboya (mohair) buhlelwa mayela nobude, ukumomelela kunye nobungqindilili bawo - buphindwe bupakishwe kwiinyanda ezibhalwe inombolo yemfono-mfono kunye nomgangatho wodidi lwabo. Wonke umvelisi woboya (mohair) osemthethweni unenombolo yakhe yemveliso. Inyanda nganye ingange 150kg. Amafama emveliso encinane kufuneka bagcine i-rekhodi lengeniso yabo yoboya ukuze bakwazi ukurhola.
Iinyanda zithuthwa ngamathengisi boboya, abayithatha bayoyithengisa kwintengiso eyenzeka kayi 14 ngonyaka kutshintsho lwe Wuli kunye Noboya eBhayi (Wool and Mohair Exchange in Port Elizabeth). Iinyanda zona zahlulwa zibe zisampuli ezincinci zinikwe abathengi boboya. Uthemngi uzokuthenga uboya (fibre) eninzi ekrwada, agqibe aziphuhlisele yona. Ukwenza uboya be-mohair buquka ukulungisa, ukuhlamba, ukukama, ukujikelezisa, ukudaya, ukuthunga, ukunitha kunye nokugqibezela ukwenziwa boboya.
Abathengi baseMzantsi Afrika bemveliso yoboya bangange 5% nangona i-95% yobuboya buthengiswa ngaphandle kumanye amazwe.
Kulo nyaka sikuwo (2018) bahlanu abathengi boboya abaphuma phambili; osomashishini abathathu kunye nabaphuhlisi abangamashumi amathathu (30). Kukho intlobo-ntlobo ezininzi zemveliso ye-Mohair eMzantsi Afrika, imveliso ezifana nekawusi, iingubo, i-duvethi, izikhafu kunye noluhlu oluninzi lweempahla kunye nezinto zokuhombisa. Phesheya, i-mohair isetyenziswa ngagama aphezulu kushishino lwezempahla, ukuvelisa iisuti ezikumgangatho ophakamileyo kunye neempahla.
I-Mohair South Africa (Indawo yoboya yase Mzantsi Afrika) yiyo ekhupha ulwazi lwentengiso kumafama eebhokhwe i-Angora.

Izibalo zeMohair eMzantsi Afrika

Uboya (mohair) buveliswa kwiindawo ezomileyo e-USA kunye nase Australia kwaye nase Lesotho, kodwa uMzantsi Afrika wona uvelisa kangange 53% yoboya i-mohair kumhlaba wonke. Ixabiso lemveliso ye-mohair lwenze imali engange nkulungwane i- R529 ngonyaka ka 2015. Imveliso yonyaka ka 2015 (iitoni eziyi 2 500) yayiphantsi kakhulu kuba eyonyaka ka 2006 ivelise itoni ezingange 3 700. Eyona mbangi yalento ibiyimbalela ethe yabetha kwiindawo ezininzi zemveliso e-Mpuma Koloni. Ngonyaka ka 2006 ixabiso loboya i-mohair belingange R78/kg ngokungafani nonyaka ka 2018 apho ixabiso linyukele ku R250/kg.

Iingxaki Zemveliso Yoboya i-Mohair

uMzantsi Afrika usephantsi kwembalela eyenzeka kwiindawo ezinkulu zemveliso yoboya i-mohair. Imvula ikhe inethe kwezinye iindawo kodwa amafama achitha imali eninzi kwisondlo esongezelelekileyo (kunye nakwezothutho) ukugcina ibhokhwe ziphilile. Nangona kunjalo i-mohair isadingeka kakhulu kwaye intengiso yayo isazinzile nanamhlanje kwintengiso ezithile.
Ezinye iingxaki ezithe zihlele ishishini loboya i-mohair lase Mzantsi Afrika (South African Mohair Industry) ziquka izixhobo ezingaphelelanga zezinto zemveliso ezifika ngexesha elingalunganga, ixabiso eliphezulu lokulungisa imitshini yokwenza uboya, ukungabikho kolwazi lwamalaphu kunye nesakhono kwaye nemgago siseko ongakwazi ukuvumela imveliso eyenza maxesha athile.

Translated by Aviwe Damane