I-Marula Oil Yokuthambisa Isikhumba Singaxwebi

Umthi we Marula unemisebenzi emininzi (Sclerocarya birrea) ihanjiswe kwi Afrika iphela ngenxayoku hamba – hamba kwaye ingumphambukeli kwi Southern Africa (South Africa, Botswana, Zimbabwe, Swaziland, Namibia, Angola), West Africa (Niger, Gambia, kunye ne Democratic Republic of Congo) kuquka iZambia, Sudan, Ethiopia, Kenya, Tanzania (kuquka iZanzibar) ne Uganda. Iyafumaneka nase Mauritius, Reunion kwaye iyakhuliswa nase Israel, Australia, kunye nase India. iMarula ayidibani nomkhenkce, ayinangxaki nemihlaba ehluphekileyo, ikhetha iindawo ezomileyo ezinobushushu zase Mzantsi Afrika, eMpumalanga, naku mmandla wase Phalaborwa, kwi phondo lase Limpopo. Lomthi uvelisa umyinge ongapha kwe 3 tonnes, ezingumlinganiselo we siqhamo iplum. Isiqhamo esele sivuthiwe sibanombala otyheli kodwa hayi utyheli ogqamileyo, onendawo emhlophe, nendawo kwisiqu esinikeza umdla, nevumba le turpentine. Iziqhamo, amandongomane, izikhondo, amagqabi nengcambu ziyasetyenziswa.
Umthi we Marula ungakhula lula nge mbewu (usokishwe ngobusuku emanzini adikidiki), kodwa kuyenzeka nangoku phungula amagqabi amadala, okanye ukuzidibanisa. (iGrafting kukudibanisa umphezulu, nomsebe wengcambu ukuze zikhule kunye.) iziqhamo ziyaqala ukuwa emithini ukususela ngo February nango March, emveni koko ivuthwe emhlabeni (ngo March ukuya ku April). Iziqhamo zithathwa phantsi, zihlanjwe, zixotyulwe, zidityaniswe ziyi mpuphu. imphuphu yesiqhamo iMarula iyadidiyelwa isetyenziswe kwiziselo (iziselo ezenziwe ngeziqhamo (juice), utywala, okanye ibhiya) kwaye inikeza isakhamzimba esingu vitamin c ngoku phinda phindene kane(4) ne siselo i"orange juice" – 100g ye marula ihamba ne 194 mg ka vitamin C. iSikhumba singasetyenziswa ukwenza isepha, iglu ne Achar. Amagqabi emarula akulungele kakhulu ukondla imfuyo, isikhondo sisetyenziswa ukwenza i-dye isiqu somthi senze izitetyu.
Amandongomane (aphekwayo atyiwe) agcina imbewu engumlinganiselo we 65% we oli, imveliso yodidi oluphezulu. Abadidiyeli baye walahla amandongomane okanye bawatshise nge sivuthisi mlilo kuba ukuqhaqha amandongomane uzama ukufikelela kwinkozo kuthatha ixesha. Abe nzulu lwazi base Everpix bavela nendlela ekhawulezisayo ukuqhekeza amandongomane wemarula ukufumana le oli ye marula inqabileyo. Le oli ityebile kwizakha mzimba (fatty acids) kwaye ubume bayo bubo obuyenza isebenze njengamafutha okuthambisa agcina isikhuba singomi kwaye sikhuselekile oku kwenza izilungele zonke iintlobo zolusu ingakumbi kubantu abadala, nesikhumba esingondlekanga. iMarula oil inomlinganiselo ophezulu we vitamin C no E kwaye ityebile kwi “monounsaturated fatty acids” ezenza le oli izinze kwaye imelane ne rusi. The oli ityebe ngokuphakathi ‘iyatyibilika’ oku kuyenza ikulungele kakhulu ukuvoca voca umzimba (massage).

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie