Iimeko Ezichaphazela Ubushushu

Ubushushu bendawo buchaphazelwa zimeko ezifana nobude obuphesheya kolwandle, umgama wolwandle nobume balo kwi ikhweyita (equator).

UKonyukela Phezulu kunye no Bushushu

©Peter Delaney
Kwilizwe lo Mzantsi Afrika, awona mazinga aphantsi afumaneka kwindawo ezonyukela phezulu neentaba, kodwa oku kunga chaphazelwa zezinye izinto. Xa zonke ezinye izinto zilingana, ubushushu bomoya buyehla xa kusehla ubude phezu kolwandle; umzekelo amazinga obushushu ayehla, njengoba wena usenyukela phezulu.
Obuqhelekileyo be-6.5℃ ngokwe 1 000 m iyonyuka ngoko nyukela iye ichazwe njenge ‘qhelekileyo’. Amanani asezantsi aphakathi ko-4.6℃ ukonyukela ku 9℃ ngokwe 1 000 m eyonyukelayo ukuya phezulu zishicilelwe kwindawo ezohlukileyo ehlabathini.

Amaza Olwandle kunye no Bushushu

Ukuthelekisa ubushushu obuqhelekileyo bomoya kwicala lase mpuma kunye nentshona yolwandle zase Mzantsi Afrika, uzakuqaphela okwenziwa ngamaza olwandle kubushushu bomoya. Umoya oqhelekileyo waseThekwini kwicala elingase mpuma yolwandle ngu 21℃ logama ubushushu base Port Nolloth kwicala elingase ntshona yolwandle ubushushu bungu 14.2℃.
Zombini ezindawo zime phantse kubude obulinganayo obonyukayo. Icala lase mpuma isimo salo senziwa ngamaza we Mozambique ashushu, evuyelela amaza we Agulhas, logama icold Benguela current isehla kumazinga obushushu kwicala lase west coast eMzantsi Afrika.

Intaba Nobushushu

Intaba okanye ukonyukela kwendawo kwenza umthelela omkhulu kubushushu obuqhelekileyo ngemini ingakumbi kwindawo ezinentaba ezise zantsi kunye neentaba ezonyukelayo ezehla zisonyuka. eMzantsi Afrika, intaba ezijonge emantla phakathi zinamazinga aphezulu obushushu kunezo zijonge emazantsi.

U-Bushushu kunye Nelifu Elogqumileyo

Kwindawo ezishushu ezise ntlango, ilifu elogqumileyo lichaphazela ubushushu bamaxesha onyaka. Imvula nayo inegalelo. Okuqhelekileyo kukuba amaqondo obushushu aphezulu kwindawo enzeka phambi kokuba kuqalise imvula yase hlotyeni. Imimandla eloluhlobo inobusika obomileyo obupholileyo, intwasahlobo eshushu eyomileyo kunye nehlobo elishushu elimanzi.
Kwindawo eshushu esentlango yase northern Limpopo, amaqondo obushushu aphezulu nomoya owomileyo ngo September nase kuqaleni kuka October zinegalelo elibi kakhulu ekukhuleni kwe ti yokuphunga kulom-mandla. Yinto ebalulekileyo efuna ukuthabathelwa ingqalelo xa ukhulisa ezinye izivuno phantsi konkcenkceshelo kulondawo.

Ubushushu no Moya

Kwilizwe lo Mzantsi Afrika, imimoya eyohlukileyo ineziphumo ezimbi kubushushu bomoya. Ezona zibalulekileyo kwezi bubushushu obugqatsayo, kunye nemimoya eyomileyo kakhulu ‘berg winds’, evuthuzela kubushushu bemimandla yangaphakathi kum-mandla ozinzileyo ukwehla ukuya kwi coastal plateaux ngexesha lase hlotyeni. Indawo ezikum-mandla wase west coast ezifana ne Olifants River Valley, Vredendal, kunye nephondo lase Ntshona Koloni zezona zithwaxwa kakhulu zi berg winds. Iindawo ezinkcenkceshelweyo kwindawo ezinemilambo zase Mpuma Koloni nazo zichaphazelwa kakhulu yimimoya enamandla iberg winds.
Ngexesha lenyanga zobusika, umphakathi welizwe, ingakumbi iFree State, ngamaxesha athile iye ithwaxwe yimi moya ebanda kakhulu. Lemimoya ibanda nkca isuka kwicala lase Mazantsi ukuya kumazantsi-mpuma xa kuthe kwawa ikhephu ezintabeni zase Mpuma Koloni nase Lesotho.

Translated by Zikhona Plaatjie