Iimbotyi Njenge Sivuno kuma Dlelo

© Pannar Saad
Iimbotyi zizityalo ezinengcambu esasazekileyo, zivelisa imbewu ikwizingxobo kwaye zinamagqabi amaninzi enziwe ngamanye amancinci amanzi – cinga ipeas ne clover njengomzekelo. Iimbotyi zisetyenziswa kakhulu njenge sivuno kumadlelo. Ingatyalwa yodwa isetyenziswe ekutyiseni imfuyo, isikwe ingca okanye ivunwe xa iluhlaza isetyenziswe kwi silage okanye haylage.
Iimbotyi njenge sivuno samadlelo zandisa incasa kunye nezinga le protein ekutyeni kwemfuyo. Ixesha elininzi iimbotyi zixutywa nengca ukuvelisa umxube kumadlelo aphezulu kwi protein nokutyeka ngcono kunengca yodwa.
Nayiphi na inkampani esebenza ngembewu izaku kwazi ukucebisa ngezona mbotyi zingcono kunye nokudibanisa iimbotyi nengca ukuze uyikhulise endaweni yakho kunye nakuhlobo lwakho lomhlaba. Cela isikhokhelo.

Okungcono Ngokuba Imbotyi Zityalwe kuma Dlelo

©Roger Griffith
Xa kusetyenziswa iimbotyi kumadlelo njenge sivuno se forage inikeza iprotein etyeka ngcono kwizilwanyana kunengca yodwa.
Iimbotyi kungcono kuzo ngokuba ziyakwazi ukujika initrogen emoyeni inikeze initrogen elungele izityalo emhlabeni nge ndlela ebizwa ‘nitrogen fixing’. Oku kunciphisa isidingo zokuchumisa idlelo nge nitrogen kwaye ibayi nzuzo kwizityalo ezizikhulelayo kwidlelo.
‘Nitrogen fixing’ isisiphumo sobudlelwane nentsholongwane yomhlaba ebizwa iRhizobium eyenza amaqhuma amancinci kwingcambu zembotyi. Kuyacetyiswa okokuba phambi kokutyala, imbewu yembotyi itywinwe ngomlinganiselo olungileyo wentsholongwane iRhizobium ukuqinisekisa okokuba amaqhuma ayenzeka.
Okunye okuyinzuzo yokutyala iimbotyi njengama dlelo naku:
Iimbotyi ezingamadlelo zikudidi oluphezulu njengokuty akwezilwanyana kwaye iphezulu kwi protein, imfuyo esencinci, esakhulayo zidinga iprotein eninzi enokuthi ifumaneke ngokuthi kuxutywe iimbotyi kumxube we forage.
Amadlelo embotyi anencasa kwaye ayatyeka acoleke esiswini, inyusa ne calcium kwisivuno.

©Ivar Leidus
I-Lucerne yi forage ebalulekileyo kwizilwanyana zobisi ezincancisayo, nangona amafama wobisi ankcenkceshelayo angakhetha amadlelo anengca ye clover. Iimbotyi kumxube wokutya kwe mfuyo encancisayo ingongeza uvitamin A no E kunye ne calcium kwimfuyo kwaye yandise namafutha kubisi kunye nomgangatho wobisi uphela xa kuthelekiswa kukutya okunengca kuphela.
Uninzi lwama fama afuye iigusha asebenzisa iimbotyi zokulungisa initrogen, njenge Lucerne, clover, kune ne medics kumadlelo ukwenza ngcono umgangantho woboya nokukhula. Kwibhokhwe ii-Angora, amazinga eprotein aphezulu angenza iinwele ‘ezomeleleyo’ okanye ezideki oko kungenza uboya buthengiswe kumaxabiso aphantsi.
Izifundo zibonakalisa amazinga aphezulu okumitha noku khula kwinkomo xa kusetyenziswa iimbotyi, umyinge wedlelo uyanda xa iimbotyi zixutywe kumxube wedlelo. Kwisifundo, iclover ebomvu edityaniswe ne fescue ende ivelisa umyinge ophezulu (10t/ha) kune fescue ende echunyiswe ukuyokuma kuma 165 kg we nitrogen/ha (9t/ha).
Esinye isifundo sibonakalise ukusetyenizwa kwe Lucerne ne clover ebomvu ingasebenza endaweni yokuchumisa amadlelo.
Ukusebenzisa iimbotyi kumxube onengca ukwenza ukutya okunezinongo ezahlukileyo efama, ukuvakala komhlaba, kunganomtsalane kwizinambuzane eziluncedo iveselele nezinongo emhlabeni.
Uyacelwa uqaphele: ulwazi lwenzelwe ukufundisa nokunikeza ulwazi jikelele kuphela kwaye akufunekanga lubonwe njenge ngcebiso yokutyala, ukutya, okanye yezinongo. Ukufumana ulwazi oluthe vetshe ngokutyisa imfuyo yakho okanye ukutyala amadlelo nxulumana nalowo usebenza ngempilo yezilwanyana okanye umthengisi wembewu.

Translated by Zikhona Plaatjie