Igama Elithi Mapungubwe

Ukufunyanwa Kwembali

©Roger de la Harpe

Ngomnyaka ka 1933, kwafunyanwa ingcwaba elingaziwayo imvelaphi yalo. Eli ngcwaba lafunyanwa ecaleni kwamatye akhweleneyo, nasele engawona matye ahombisileyo eMapungubwe National Park. Ukufunyanwa kobucwebe, umfunziselo womkhombe owenziwe nge golide kunye neentsimbi ezisuka kwihlabathi jikelele.

Abaphandi ngezentlalo yabantu bafumanisa ukuba elingcwaba lelangexesha lakudala-dala, ixesha lobuKhosi base Mapungubwe. Kangangee Sentyuri ezingaphaya kwesixhenxe, kwakungekho bani waziyo mayelana nababantu. Kwakungaziwa nokuba yayiluhlanga olwakhe lwaphila.

Kodwa ibali labo ngoku, lihamba phambili kule-culturally-focussed transfrontier conservation area. Libali elaqala emva phaya ngeminyaka yoo 1200 AD (lo AD umele u Anno Domini, neligama lesi Latini elithetha “unyaka weNkosi yethu”), ngethuba ummandla owawuphila ngexesha le Iron Age wawuphantsi kolawulo lwe nkosi Entsundu neyayinamandla amakhulu.

Ngoku abatyeleli bayathontelana ukungena kule paki ukuze bafunde ngesi sizwe sele kukudala sanyamalala. Kwaye imbali yesisizwe ngunobangela wokuba le Transfrontier park inkulu yaqulunqwa yavuselelwa ngeminyaka koo 1990.

‘Indawo Yoo Dyakalashe’

©Roger de la Harpe
Ubusazi: Abaphandi ngezentlalo yabantu okanye iiAnthropologists abanasiqiniseko ncam ukuba eligama lithi Mapungubwe lasukela phi, kodwa kucingelwa ukuba imvelaphi yalo isekelwe kwi ‘ndawo (okanye induli) yoodyakalashe.Translated by Zizipho Silwana