Giant Plated Lizard
Uxam

© Tyrone Ping

Igama

Uxam [Gerrhosaurus validus]

Inkcukacha Ezibalulekileyo

Inqanaba: Isilo esirhubulazayo (Reptilia)
Ubume: Squamata
Usapho: Gerrhosauridae
Izilo Ezihambelana Nawo: Gerrhosaurus validus maltzahni kunye ne Gerrhosaurus validus validus
Ubude (Imazi): 200 - 250 mm
Ubude (Inkunzi): 200 - 250 mm

Inkcazelo

Uxam sisilo esihrubuluzayo esikhulu esine ntloko embaxa kunye nomzimba ombaxa. Uxam osele emdala, umqolo ubantsundu ocacileyo ukuya kumbala omnyama.
Intamo ingumbala omhlophe ogqwancu, ze sona isisu sibentsundu ongacacanga. Amantshontsho amnyama, kunye namachokoza acacileyo athyeli apha emqolo kunye nemigca apha ngasemilenzeni.

Apho Afumaneka Khona

Lo uxam ufumaneka kwimimandla esemantla kwilizwekazi lase Afrika.

Ukuzala

Iimazi zizalela amaqanda ama 2-5. Amaqanda awo abamakhulu, abe ovali ukumila. Lamaqanda azalelwa kwimingxunya yamatye edityelelwe ngomhlaba, esiphakathini sexesha lase hlotyeni.

Isidlo

Utya iintyatyambo, amagqabi, imithuma kunye nezinye iziqhambo ezithambileyo. Kodwa ungawatya namacikilishe amancinci. Ukwaziwa nangokutya amantshontsho amafudo.