Cheetah
Ingwenkala

© Shem Compion
Umzimba we ngwenkala wakhelwe uba ube na mendu. Imilenze yayo mide xa uyithelekelisa nomzimba wayo; intliziyo imiphunga kunye namaphumlo athande ukuphangalala. Seson silo sina mendu sehlathi siqikelelwa ku 114km/h isantya sayo.
Loxa ingonyama ne Ngwe zixhomekeka kumgama wazoukuza zihlasele ixhoba, isantya sengwenkala siyayivumela uba ihlasele kumhlaba ophangaleleyo. Ingwenkala ithe ncuthu ngobude kune Ngwe kodwa ingekho nzima ngoko mzimba, ubunzima bayo bunga 40 kg – 60 kg. Oluhlobo lwesilo luqukwa kwezinye ikati zase ndle noxa amanqina azo emilise okwa lawo ezinja. Oku ke kuye kucuthe amathuba azo kuqabela imithi nezinye iindawo ezibuphakama, kodwa kwandisa isantya ezi baleka ngazo. Isantya ezisuka ngaso xa bezimile simalunga ne 60m-100m ngemizuzwana embalwa ibe sele sinyukile isantya.Ingwenkala iye ithathe ithuba elingange siqingathatha se yure siphumle emva koba sileqe safumana ixhoba naphambi koba sitye ixhoba elo. Eli ke lelona thuba zibasengozini ngalo ziye zithathelwe zezinye izilwanyana ngelithuba lazo lophumla, uba ke ayihlutshwanga i ngwenkala iye isonwabele isidlo sayo kuloo ndawo ithe yabulalela kuyo ixhoba elo. I ngwenkala ingcathu, ayityi noba yintoni na ikholisa ukutya izilo ezincinane nezithe ukhula kancinci. Phantsi koluhlu lwezinto ezityiwa sesi silo, kukho amantshontsho ezinye izilo zasendle ezinkulu, I warthog, ground birds, porcupine kunye nemivundla. Kuqikelelwa uba inye ingwenkala ibulala phakathi kwa mashumi amathathu nekhulu elinamashumi amahlanu ngonyaka. Kusekho iingxelo ezingekabinasi sombululo ngomba woba ingwenkala yikati yase ndle okanye yinja yase ndle na ngenxa yalamanqina ayo ahlukileyo kwezinye ikati, kwakunye nendlela yazo yoku gragrama , maxa wambi zicula okwentaka. Imikhuba yazo yokwakha umda wendawo yazo wahlukile kwenzinye ikati zasendle, zona ziye zakhe umda nje ngo chamela ikhaya lazo kodwa azide zilwise ezinye xa ziye zasondela kulo mda.Uba ixhoba Ibuck mhlawumbi, iqonda kwangethuba iye izam ukubhida umkhondo ngokubaleka ngohlobo lwe zigzag nokuphithizela phakathi kwemithi namatyholo.Isebenzisa umsila wayo omde ukuyizinzisa xa ileqa ixhoba layo, iqikelele kanjalo uba xhoba elo lizakubalekela kweliphi icala. Iye ilubambe ngolohlobo ixhoba layo, ilutsibele emqaleni uze luwe. Esi silo sinamazinyo ange makhulu noko xa ithelekiswa nezinye ikat zase ndle into eyenza ixhoba libulaleke kade kwisithuba semizuzu emihlanu ukuya kumashumi amabini anesihlanu. Kubalulekile uba zikwazi ukothusa amaxhoba azo nje ngaso nasiphi na isilwanyana esizingelayo. Amendu engwenkala ayenza ibalasele kodwa ayikwazi ubaleka umgama omde ingakhange ikhe ifumane ithuba lophefumla.Zingathelekiswa nengonyama ne ngwe ngokwendlela yazo yokuziphatha, azihambi ziliqela nje ngeengonyama zibaphakathi kwe sine nesithandathu ubuncinane ingakumbi xa zizalwa ndawonye. Ubomi bazo buthatha 12 – 15 yeminyaka endle. Okwahlukileyo ngazo zizingela emini. Ubukhulu becala amaxhoba azo asoloko efunyanwa engalindelanga ingakumbi xa ehamba eliqela. Zezona kati zase ndle zithyafileyo kwaye akukho ngxelo yazo zihlasela umntu.