Umbutho Woluntu lama Pedi

Izindlu zama Pedi

©Dr Peter Magubane

Ngokufanayo na Basotho na Batswana, kumaxesha angaphambili babehlala kwilali ezinkulu ezathi zohlulwa ngokwa maqela ekgoro ezibekwe phakathi kweentsapho ezi thatha icala lamadoda. Lalinamaqela wentsapho, akhiwe kwindawo ethile edibanisa nendawo yokungenela imihlangano, ubuhlanti, amangcwaba kunye nesikhumbuo samatye wezinyanya. Imizi yayinikezwa amanqaku ngoko kubaluleka.

Nkosikazi nganye wayeno ronta wakhe, othi udibane noronta bamanye amakhosikazi nezakhiwo ezinamatheleyo kodwa ezingenaphahla (lapa) ingqungwe ludonga lodaka. Esiphakathini kwakukho I ngwako wa molo (indlu yokubasela), indawo enkulu enembiza yokupheka phantsi, xa kunetha. Iyohluka kwezinye izindlu nge mathudi (ivrandi enephahla) engqungileyo.

Iipali ezingqongileyo, ezibubude obungama 3 metres (inyawo ezilishumi) ngobubanzi, zazisenza udonga eliphakathi, zivaleleke edongeni (leboto) eyenziwe ngezitena zodaka ezomiswe elangeni. Ingca yelophahla yayibekwa phezulu kwezipali. Uphahla lwengca lwalu gqitha ngapha kodonga lwendlu, lenze imathudi. Ezinye ezincinci izindlu (ngwakana) zazibasemveni kwendlu enkulu. Indlu enkulu yayigqunywa sisakhiwo esingqunge esingama 1.75 metre ubude (inyawo ezintlanu, nobude obungu 5 inches) bedonga elenziwe ngodaka (olwaziwa ngokuba yi moduthudu), okanye iipali (ezaziwa nge lefago).

Elidonga lalingqunge indawo ukuze amakhaya ohlukileyo, awaye bukudibana kwaye izizindlu zamakhosikazi ohlukileyo endoda enye, zazisenza isangqa. Phakathi kwamakhaya kunye nodonga olungqungileyo bezifumaneka enkundleni (lapa), kulapho amaPedi ayechitha ixesha lawo elininzi xa besemakhaya. Umzi ngamnye wawune nkundla yekhaya ephambili korontabile omkhulu, apho abahambeli babe sonwatyiswa khona, kunye nenkundla yabucala esemveni korontabile omkhulu, yona ke yayiye yamalungu osapho.

Ubume Bomhlaba

©Dr Peter Magubane

Igama elithi kgoro, ngaphandle kokubhekisa kwindlu,nobume bayo bokuhlala kwama Pedi, lalisetyenziswa ukuchaza izitena zokwakha izindlu zase bukhosini okanye ezopolitiko. Umanyano lwama khaya axhalabileyo kumakhaya ongezelekileyo yayigcinwa ngokuthobela amadoda athile aphetheyo, ayedibana kwindawo ekhethekileyo evuleke ecaleni phantsi komthi omkhulu.

Ikgoro yayithetha ikomkhulu kunye nendawo yemihlangano. Namhlanje abantu abaninzi bafuna ukuphila ngendlela yalemihla, sele bayeka ukokha orontabile, babatshintshise ngamaxande, anephahla lezinki. Ukunyanzelwa ukuhamba nocwangciso lokwakhiwa leolimo ngokwenziwe ngurhulumente kuthethe okokuba iindawo zokuhlala ezintsha, kunye nomphandle wezinye ezindala, zinezindlu ezakhiwe ngocingo, ezihlala iintsapho kwaye ezingazalaniyo nabamelwane.

Translated by Zikhona Plaatjie