uKuqwayitwa kwe Ziqhamo kunye neMifuno

©At Source

Iziqhamo ezininzi zase Mzantsi Afrika, ezifana ne greyphsi, aprikothi, pesika, apile, pere, mango, bhanana ziyomiswa. Xa zisomiswa kukhutshwa amanzi, naye enze ukungunda, iyisti kunye nokukhula kweentsholongwane. Ngoko ke, xa zomisiwe zihlala ixesha elide zilungele ukutyiwa. Kukwanciphisa nobunzima kunye nomlinganiselo wesiqhamo, nto leyo isenza sibe nexabiso eliphantsi kwaye kube lula ukusithutha.

iiNdidi Ezilungele uKuqwayitwa

Kunga qwayitwa nasiphi na isiqhamo okanye imifuno, kodwa ezinye iindidi ziqyayiteka/ zomiseka kakuhle kunezinye. Ngengoko kuchaziwe ngu Anton Erwee, noyi chief operating officer kwinkampani i-Source Handmade Foods, ukomiswa kwendidi engalunganga kuza kukhokelela kumqayito ongenakutya. 

Iziqhamo nemifuno ezijoliswe kushishino lwe makethi yemiqwayito, nje ngayo nayiphi na indidi, ziqale zihlolisiswe ngaphambi kokuba zikhutshwe ziye kwimveliso yemiqwayito. Ezi ndidi akufunekanga zilungele ukomiswa nokugcina umbala wazo nase mva kokuwayitwa nje kuphela, kodwa kufuneka zivelise isivuno esaneleyo ngexesha elilungileyo enyakeni. Kwaye kufuneka kungabikho basebenzi baninzi kunye nezinye izinto eziyindleko.

iSiqhamo esi Thambileyo Okanye Esiqinileyo

©At Source

Isiqhamo sisenokuphinda sifakwe amanzi emva kokuqwayitwa okanye sithengiswe kungakhange kongezelelwe kwanto ngaphezulu. Isiqhamo esiphindwe safakwa amanzi siyathamba kwaye kubalula ukusitya kuneso sithengiswe sinjalo. Noxa kunjalo asihlali thuba lide. Iziqhamo ezifana namaqunibe zisenokunyangwa ngomxube one swekile, ofana nejusi yee greyphsi, ngaphambi kokuba zomiswe ukuthintela ukuba ziqine kakhulu de zingatyeki.

iiNdlela Zoku Qwayita

©At Source

Ubuninzi beziqhamo eziqwaytiweyo/ezomisiweyo zase Mzantsi Afrika zomiselwa kwii treyi ezibekwa elangeni, kanye emva kokukhiwa. Oku kungenxa yokuba lula kwemveliso kwakunye nokuba namaxabiso aphantsi. Kuba imozulu engalunganga isenokubangela ukungunda kunye nokutshintsha kombala wesiqhamo, unintsi lweziqhamo lomiswa ngexesha lase busika kwiindawo ezinemvula zase busika ezifana nen Boland, Ceres, Valley, kunye nase Klein Karoo kwiPhondo lase Ntshona Koloni; kunye nase Orange River Valley ese Mntla Koloni. 

Eyona nto ingumceli mngeni ngokomisa iziqhamo ngelanga kukuba abavelisi abanakho ukulawula imozulu, nto leyo itheta ukuba abanalo ulawulo ekomisweni kweziqhamo zabo. Ukuze kuveliswe iziqhamo ezise mgangathweni, abavelisi abambalwa babhenele kumatonela okuqwayita. Nto leyo inciphisa ubungozi obunokubangelwa zimozulu ezimbi, kwaye iqinisekise nesiqhamo esise mgangathweni. Umbane uyaxabisa, ngoko ke amafama asebenzisa izinto zendalo ezfana ne biomass okanye amandla elanga, ukuncedisana nokomiswa kweziqhamo.

iSulphur Dioxide

uAnton uthi unintsi lweziqhamo ezomisiweyo zinyangwa nge suphur dioxide ngaphambi kokuba ziqwayitwe. Oku kunceda ekuqhekezeni iicell membranes zesiqhamo kwaye zincedisana nokomiswa kwesiqhamo. iSulphur dioxide ikwanceda nase kuthinteleni isiqhamo ukuba singajiki sebe mdaka ngombala. Oku kuvumela isiqhamo ukuba sigcine umbala waso kwaye kusebenza njenge microbiological preservative enceda ukuqinisekisa ukuba ukutya kukhuselekile ukuba kungatyiwa, nangona bekubekwe phandle iintsuku ezimbalwa ukuba kome. 

Iziqhamo ezimnyama ezifana nee figs, raisins, prunes kunye ne azifane zinyangwe nge sulphur dioxide zona.

Intengiso

Imiqwayito yeziqhamo yelizwe loMzantsi Afrika ifunwa/ithandwa phakathi elizweni nakwihlabathi lonke jikelele.

Imisebenzi

Iziqhamo eziqwaytiweyo zisenekonwatyelwa njenge sidlo esimnandi njee okanye kuphekwe ngazo kwaye zisenokufakwa nakwizimuncu muncu zase mva kokutya. Iziqhamo ezomisiweyo zizele yi faybha, antioxidants kwaye zisempilweni ngeyona ndlela. Icezwana elinye lesiqhamo esomisiweyo linezinongo ezilinganayo njenge siqhamo esipheleleyo esingomiswanga. Kodwa ke akubinjalo ngalo lonke ixesha, ezinye izinongo ezifana ne vitamin C isenokulahleka ngethuba kusomiswa isiqhamo eso.

Translated by Zizipho Silwana