uGeorge Bizos kunye no Nelson Mandela

© Eric Miller

Umthetheleli Wabacinezelekileyo

uGeorge Bizos, nosele esaziwa njengo mthetheleli wabacinezelekileyo, kukuhlukumezeka kokucalulo. Waduma ngokubayinxalenye yeqela elaliquka ibhulu u Bram Fischer- Isizukulwana so Mongameli olibhulu wase Orange Free State- elathethela uMandela kwelinye lawona matyala abalulekileyo asenkundleni ye Sentyuri yamashumi amabini, ityala lase Rivonia.

Intatheli, uDebora Patta, wakhumbuza u Bizos ukuba ‘unconywa ngokusindisa uMandela nabahlobo bakhe kwisigwebo sentambo’, kwaye u Bizosa waphendula ngokuzola, Ndinconywangokugqithisileyo’.

Ezimisele Ukufa

uBizos wacacisa ukuba ixhala lakhe lentetho neyabayi mbali ka Nelson Mandela, newathi wayenza phambi kokuba kuwiswe isigwebo. Wayenexhala ukuba amazwi akhe anokwenza umantyi afune ukubanika isigwebo sentambo. uBizos waphawula ngelithi: Eyam inkxaxheba kuyo (intetho) kukuba xa yayisele izakugqitywa ukubhalwa, ndaphazanyiswa yintetho yakhe yokuba wayezimisele ukufela into akholelwa kuyo.

Ndahlala naye phantsi ndimbonisa ndathi, ‘Uyazi, Nelson, lento ingabonwa njengokuba uzicelela isigwebo sentambo. Ngokuqinisekileyo ufuna ukuphila wonwabele konke okumeleyo nofuna kwenzeke. Qinisekileyo, kufanele uthethe lonto. Waze ke watshintsha isiqingatha sokugqibela kodwa wathatha ingcebiso yam yokuba ‘ukuba kunyanzelekile, ndikulungele ukuyifela.’

Uluntu Olukhululekiyo nolu Nokuzikhethela

Yathi xa sele ihanjiswa ngokuzola ethe chuu, ewabala amagama, intetho ka Mandela eme emkhumbini we nkundla: Ndilwe ukulawulwa ngegqudu ngabamhlophe kwaye ndilwe ukulawulwa ngegqudu ngabantsundu.

Ndibunguzelele umbono woluntu olukhululekileyo nolunoku zikhethela uhrulumente walo apho Abantu baphilisana ndawoninye ngokuthula noxolo kunye namathuba alinganayo. Lo ngu mbono endinethemba lokuphila ndide ndiwubone ubayimpumelelo, kodwa, Thixo wam, ukuba kunyanzelekile, ngumbono endikulungeleyo ukuwufela.

Indlela Yamadoda Amakhulu

uPatta wabuza 'Waphelelwa ngamandla bakufumana udilika nejele?' uBizos waphendula ngelithi, 'Isimanga yabakukuba ndandivuya. Nangona ukuvalelwa ubomi ejele ingeyonto inokuvuyelwa. Kodwa sonke sasinethemba lokuba akanode afele jele nyani. Uninzi lwabo ke phofu lwafela apho ejele. uBizos washwankathela iimbono zakhe ngo Nelson Mandela kunye nabanye abalweli benkululeko awayeqhagamshelana nabo ekuchazeni ingxelo nalapho wahroxa ethinzini.

Xa ebuzwa ukuba yintoni azingca ngayo kakhulu, wathi: “Ngokuthi ndidlale indima ethile ekudibaneni nabo endleleni; ngamaqhawe. Amagqwetha adlala indima yesibini. Ukuze ubeli gqwetha eliyintshatsheli kufuneka udibane nabantu abazintshatsheli ozakubamela kwaye mna ndibenethamsanqa ukuba ndithe ndadibana namadoda amakhulu endleleni yam, amakroti, amadoda namabhinqa angacingeli wona odwa ababekulungele ukuncama eyabo inkululeko.

Bexolele ukuncama ubomi babo ukuze kukhululekwe ngumntu wonke. Kwale yokuba ndavunyelwa ukuba ndidlale indima yesibini empilweni zabo yinto endizingca kakhulu ngayo.”

Translated by Zizipho Silwana

Mandela By Advocate George Bizos

uBizos wathetha banzi ngokwazana kwakhe no Mandela ngethuba ekwinkqubo ka mabonakude ekwi e-TV, ne sasazwa ngu Debora Patta kwinkqubo yakhe ...more