Rainbow Skink
Umabuya

© Tyrone Ping

Igama

UMabuya onemigca emihlanu, uMabuya okanye Umnyama [Trachylepis margaritifera]

Udidi

Isilwanyana esirhubbbuluzayo

I-oda

Squamata

Usapho

Scincidae

Iintlobo

Zintathu iintlobo zika Mabuya onemigca emihlanu, ezinye iintlobo zaqapheleka pha ngonyaka ka 1998.

Ubude

85 - 110 mm

Inkcazelo

UMabuya omkhulu unemibalabala aphinde abe nekroba elubala pha ngase mehlweni. Izitho zangaphambili nangasemva ziyadlulela xa ithe yacinezeleka. Umbala wayo uyohluka, kuxhomekeke kwisini naku budala bayo.

Ulwabelwano

U-Mabuya onemigca emihlanu ufumaneka ukusuka pha Kwa-Zulu Natal, kwindawo ePhantsi, Zimbabwe, Algeria nase Senegal.

Ukuzala

Imazi ibeka amaqanda ayi 6-10 pha ehlobo. Ukuqandusela kwenzeka emva kweentsuku eziyi 61-62. Kuyenzeka ukuba amaqela amabini amaqanda abekwe kwi-sizini nganye, ingakumbi pha kumntla.

Itya ntoni

U-Mabuya utya ikakhulu izinambuzane.