Violet-backed Starling
Inyakrini emfusa-mdaka

© Robert Hofmeyr

Igama

Inyakrini emfusa-mdaka (Cinnyricinclus leucogaster)

Inkangeleko

Ziweyisha kangange 45kg futhi izini zombini zimibalabala. Umntla weenkunzi, ukuquka isilevu, umqala namaphiko inemibalabala emfusa. Umphantsi wayo umhlophe qhwa. Umbala wayo ubamnyama okanye abebomvu lonto yenziwa kukukhanya. Imilenze yenkunzi imnyama, amehlo wona atyheli ngaphandle abentsundu emaphakathini. Iimazi azina mibalabala zona. Isiphongo ukuya emva kwentamo kunye namacala entloko antsundu aphinde abenomzila osemaphakathini omnyama ngakwintsiba zayo. Isiphuku, iimpiko kunye nomsila wemazi zintsundu zibe mnyama ziphinde zimbatshe. Iintsiba zayo zinomphakathi ombala ontsundu. Umphantsi wemazi umhlophe aphinde abe nemizila emnyama, esekudeni nebele. Imilenze yemazi yona imnyama, amehlo ayo amthuba ngaphandle aphinde abentsundu ngaphakathi.

Itya ntoni

Le ntaka itya kakhulu iziqhamo. Iphinda itye izinambuzane ezithathwe emahlahleni, ezingakwazanga ukubhabha nezibhubhileyo.

Ukuzala

Zithanda ukukhwelana zodwa, yaye zizala zodwa. Ixesha lazo lokukhwelana liqala kweyeDwarha ukuya kweyoMqungu eZimbabwe nase Mzantsi Afrika, eBotswana ziqala pha kweyeDwarha ukuya kweyoMdumba. Izini zombini zisebenzisa amagqabi aluhlaza nezinye izinto ukwakha indlwane. Iindlwane ziqhele ukwakhiwa kumngxunya osemthini ongange 2-6m ngaphezu komhlaba. Ezindlwane zakhiwa kwindawo ethambekileyo. Ubulongwe buyasetyenziswa njengesisekelo sendlwane. Amaqanda ayi 2-4 asoloko ebekiwe. Lamaqanda ambala abhlowu mbatshileyo aphinde abenaneempawu ezibomvu-buntsundu pha emva kubungqindilili beqanda. Ukufukamisa kwenziwa yimazi kuphela futhi kuthatha iintsuku eziyi 12-14.

Isimilo

Ziqhele ukufumaneka kwimihlambi emincinane, ngamanye amaxesha izini ziyohlukaniswa. Azifane zenze amaqela amakhulu ngokuhlala. Zifumaneka zihamba zingamaqabane okany zihamba nosapho lwazo xa ilixesha lokuzala. Zichitha ixesha elincinane emhlabeni, azifani nezinye iintaka.

Indawo yokuhlala

Zithanda ukuzihlalela emathafeni nakunxweme lomlambo. Zithanda ukulandela imijikelezo eqhamileyo yemithi.

Ifumaneka phi

Le ntaka ifumaneka eNamibia, Botswana, Zimbabwe, Mozambique nase Mzantsi Afrika.