Isitishi Sokuqala Semishini eNamaqualand

Imishini yase Pella

©Jacques Marais
Ngokunga qhelekanga, intlahla yase Pella, isitishi se mishini sokuqala eNamaqualand, asibonakali kakuhle. Abanye bathi sagqogqwa ngabaThwa, baze babulala uMphathiswa kunye nosapho lwakhe, yenza bonke ababehlala apho babaleke. Ngokuqinisekileyo, umhambi uGeorge Thompson wachaza ngo 1824, okokuba landawo ayisakhathalelwanga, kodwa wafumana esinye isitishi semishini, iyure ezimbalwa ukusuka eT’kams – umpristi ophetheyo ecacisa okokuba ngenyanga ezomileyo babehamba-hamba bezama ukufumana amanzi.
Abanye bathi esisitishi sadibana (mhlawumbi phantsi kwe eagis ye cawe iRhenish) phambi kokuba iyekwe ngo1872 ngenxa yembalela engamandla eyayi thwaxe lommandla.
Kodwa ke amaKatoliki aqala imishini yawo yokuqala eNamaqualand, eSpringbok ngo 1869. Ngelishwa, ubuninzi be Copper eyayisenza ubutyebi kulo dolophu yayiphelile kwaye indawo yayingenawo tu ama Katolike aboke babenokuba shumayeza. Bengatyhafiswa nto, owayenesibindi utata uGaudeul, esuka eFrance, wathabatha isigqibo sokuyithathela kuye lendawo yayingasakhalelwanga ePella.
Ngengoko imbali ebhaliweyo ngama Katolike ngemishini ekwisitishi sase Pella, ukhumbula ngamandla “ngoku ama Lutheran athi xa esiva ngalomba, babhalela eKapa, bechasana ngamandla nalombono, kodwa iincwadi zabo zafika yonke into sele igqibekile. Kwabakho izikhalo nokushixiza kwamazinyo, kodwa idayise lalisele libekiwe-ngamanye amazwi isigqibo sasi sele sithathiwe".
Alea jacta est (Idayise lalisele libekiwe), ngenene. Ngo 1878, iPella yabanabantu abayi 100 abahlala kuyo, amashumi amahlanu (50) ingama Katolike. Ngo 1882, utata uJean Marie Simon wafika kwesisitishi semishini sithobekileyo sisempenge-mpengeni. Yena nabanye asebenza nabo baqhubeka ukwakha ibandla nendlu yono ngendi benencwadi ezinikela ngamava endlela kuphela kwelophulo lokwakha.
Yathatha iminyaka esixhenxe (7). Utata uSimon wahlala ePella de wasweleka ngonyaka ka 1930, iminyaka engama 50 emveni koko. Wathi waziwa njengo ‘mongameli wama Hottentots’ kwaye wayehloniphiwe ekuhlaleni. Ukusuka ePella, icawe yama Katolike yaqhubeka isenza ezinye iimishini cebukuhle eNamaqualand, Bushmanland nase Hantam Karoo.

Intsikelelo Nesiqalekiso

Izitishi zemishini ezohlukileyo, ezichasene namakatolike kunye nama Katolike ngokunjalo, azibonakalisa njenge ntsikelelo nesiqalekiso. Kwelinye icala, babene kliniki, izikolo, nee cawe, baze benza ityathanga lenkxaso yemeko zokuhlala bezenzela ibeleaguered Khoikhoi kunye nee Bastaards ababejikeleza ngaphantsi kohlaselo lwe trekboers nabanye abaphambukeli balemihla.
Kwelinye icala, ilali ezazingqonge esisitishi zazikhuthaza okokuba kuhlalwe, okwengeza ekupheleni kobomi bokuhamba-hamba. Kwiminyaka eyalandelayo, isikolo saqala saba sisinyanzeliso kubo bonke abantwana, izitishi zemishini zabaluleka ekuphileni kwama Khoikhoi ze baqinisekisa okokuba ziphelisiwe imeko zokudluliselwa.
Iilwimi ezazithethwa ngama Khoikhoi nazo zahlupheka ngenxa yabathunywa bevangeli nemfundo yabo. Ama Yurophu ambalwa akwazi ukuthetha ngolwimi lwendawo elaliquka amagama asebenzisa ulwimi xa ebizwa, nangona ezinye zatolikwa ngesi Khoikhoi, inkoliso yentetha Phakathi kwabelusi nemihlambi yenziwa ngesi Datshi nesingesi. Ngenxa yoko, sisi Nama kuphela (ulwimi oluthethwa kwindawo ezisemaphandleni we Richtersveld nakumazantsi we Namibia) isaphila namhlanje – oyena osaphila ngolwimi lesintu elali sagqume uMzantsi Afrika.

Itikiti Lokuhlala

Ukuqukumbela, izithunywa zevangeli kungatshiwo okokuba babenendawo ezinzileyo, kodwa benokuphazamisa eNamaqualand. Babenikeza iinkonzo zoluntu ezininzi, banikeza abahlali ilizwi elincinci kwezo politiko. Kwimeko ezininzi, izitishi zase mishini zasilwela ‘itikiti lokuhlala’ elaliqinisekisa ukuhlala okuqinisekisiweyo kubantu besintu kumhlaba ongqonge isitishi. Oko kwakubalulekile ebusweni bokuthathwa kwindawo ngama fama amhlophe, ekupheleni iinkampani zemigodi.
Kodwa konke oku kwabalixabiso, urhulumente wasusa Amandla kwizandla zenkosi zeziswe walubeka kwizandla zezitishi zasemishini. Izitishi zase mishini zanyanzelisa ixesha elide lonogada bemfuyo yama Nama, ukuze bahlale endaweni enye, kwaye bajongelwe phantsi indlela zesintu zobomi. Njengoko besitsho, inkosi yiyo enikezayo, ikwayiyo ethabathayo.

Translated by Zikhona Plaatjie