iiMveliso Ezenziwa nge Ziqhamo Mzantsi Afrika

Amafama eziqhamo angongeza ixabiso kwiziqhamo zabo ngokuthi enze izinto ezahlukeneyo ngeziqhamo abazilimayo. Iziqhamo zisenokomiswa, zinkonkxwe, kwenziwe ngazo iijem, zicujwe okanye kwenziwa ngazi ijusi. Zonke ezi zinto zingenzelwa efama, kuvamise ukwenziwa njalo kwiziqhamo ezomisiweyo. Okanye ke zisenokwenzelwa kufutshane ne fama, kanje ngeziqhamo ezinkonkxiweyo. 

Kukho imposiso ethi ziziqhamo ezingalungelanga ntengiso kuphela ekwenziwa ngazo ezinye izinto. Nangona uninzi lweziqhamo ezikumgangatho ophantsi ziphelela kushishino lwe jusi okanye zikhanywe kwenziwa ngazi iziqhamo eziroliweyo, ezi zicujwayo kwenziwe ngazo ukutya kwamasana, zivamise ukuba kumgangatho ophezulu. 

Imigangatho yemakethi yeziqhamo ezinkonkxiweyo okanye ezomisiweyo nayo iphezulu ngokomlinganiselo nokulunga kwesiqhamo. 

Nangona iintlobo ezimbini zixhaphakile kwaye iziqhamo ezininzi azilwenzi uluhlu lweziqhamo ezithengiswa zinjalo. Iintlobo ezininzi ziveliselwa kanye ukwenziwa izinto ezikhethekileyo ezifana nokunkonkxwa okanye zomiswe.

Translated by Zizipho Silwana