I-Camphor Bush Esetyenziswa Njenge Bhedi

© Abu Shawka
iCamphor Bush, Tarchonanthus camphoratus yaziwa njenge leleshwa, i-African wild sage okanye ‘vaalbos’ (ngesibhulu). Igama layo libhekise kwivumba elirhaxayo lamagqabi we camphor. Ngumthi omncinci onamagqabi amdaka ngombala (grey) ukhula phakathi kwe 2m no 9m ubude. Zintyatyambo ezimhlophe, kunye nomhlophe ongacacanga zenza isiphontshi esasisetyenziswa ukugcwalisa imiqamelo. Izilwanyane zasendle ziye zibonakale zizikhuhla kulomthi. Izifundo zichaza okokuba ezizilwanyana azisokoli kwizi nambuzane. Ngoku fanayo sisetyenziswa njenge bhedi ngabantu be Maasai abakholelwa okokua iyanceda ukugxotha iimpukane kwaye yenza ubuthongo obunzulu behle. Amafama kwi phondo lwase North West eMzantsi Afrika asebenzisa amagqabi asemancinci we camphror bush axutywa ekutyeni kangango myinge we (30%) we Sakha mzimba iprotheyini. Lomthi unobunzima kwaye uyamelana neminyiki. Ukulungele ukwenza izixhobo zomculo kunye neemveliso zamaplanga.
iCamphor Bush inceda ukunyanga umkhuhlane, amanxeba, ukusikeka kwaye isebenza njengesi gcini mzimba xa ixutywe neziqholo zomzimba nolusu. Ukurhogela umsi wamagqabi atshisiweyo kunga khulula iimpumlo ezivalekileyo logama amagqabi abilisiweyo (amanzi wawo) anganyanga ukhohlokhohlo, amazinyo aqaqambayo, ukukhohlela okusuka kwimiphunga kunye neentlungu ezise mazantsi esisu. Amagqabi ayasetyenziswa uku masaja (massage) umzimba oqinileyo. I-oli eluncedo yenzelwa ukuze kucocwe, kupholiswe umphunga wagqabi aphekiweyo. Le oli kukholeleka okokuba ingasetyenziswa kakhulu ekwenzeni iziqholo mzimba ngenxa yevumba elilungele iziqholo mzimba zamadoda (inoku khakhazela). Inomyinge we 0.3% yokugxotha izinambuzane kwaye kufuneka isebenze kwi yure ezintandathu ukuya kwishumi (6-10) I-oli iyathandwa kuba ayonzakalisi isikhumba kubantu abezikhumba ezikhawuleza zonakale, isikhumba esibomvu esinoku rhawuzela, ukutshiswa lilanga nezilonda.
Lomthi unengcambu ezinwabileyo kwaye inomsebenzi ekuvuseleleni Isanti noku thintela umhlaba unga rusi/ungonakali. Iyakwazi ukumelana nomlilo, kunye nokuwu nonisa. Esisityalo siyayinyamezela imbalela, siyamelana nemimoya ne khephu olungase lunxwemeni lo Lwandle. Inkoliso yesisityalo sivunwa endle kodwa Zikhona izityalo zentengiso eNorth West, nakwi phondo lase Free State, eMzantsi Afrika. Lomthi ukhula kakhulu kwindawo ezishushu kakhulu emantla we Afrika, nase Mzantsi Afrika, eBotswana nase Angola.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie