Yintoni Ubushushu?

© Leonie Joubert
Ubushushu ngu mlinganiselo wobume bamandla emhlabeni kwaye uchaphazelwa kakhulu yimitha yelanga.
Kulula ukulinganisa ubushushu kwaye busetyenziswa kunye nemvula yendawo, ukujonga okokuba zeziphi izivuno ezinokukhula ngcono kwindawo ethile. Kodwa ke, ubushushu obuqhelekileyo bemini kunye nobushushu bamaxesha athile, amaqondo asezantsi kunye naphezulu (asemini nase busuku) kufuneka kuqaphelwe umahluko nokokuba isivuno ingaba sizaku khula kakuhle na kulondawo.
Ubushushu bunegalelo kuzo zonke indlela zobomi emhlabeni. Benza uluntu luzive kamnandi okanye lungaziva kamnandi (isidingo sobushushu okanye ukuphola), kuchaza indlela isivuno okanye izilwanyana eziza kuphendula ngayo, ukubakho kwenkumbi nezifo kunye amazinga wemiphunga yomoya kunye nokubila (ukulahlekelwa kukufuma emagqabini).

Ingaba Ubushushu Bulinganiswa Njani?

Ubushushu obusetyenziswa kwizivuno ezisa khulayo nakwi fama bulinganiswa njengobushushu bomoya. Ezi zilinganiswa ngaphakathi kwindlwana ezibizwa okokuba zi Stevenson screens okanye indawo ezingena umoya ezivalekileyo. Ezindawo zibekwa 2 m phezu komhlaba, kufuphi kumgangatho wamagqabi esityalo.
Umoya wobushushu ungano mehluko kumoya osemhlabeni. Ebusuku ngexesha lasebusika, amazinga obushushu abasezantsi kunalawo we ‘screen’. Oku kungenza amaqhwa nangona uqikelelo lobushushu lungakhange luqikelele amaqondo abanda akhenkceziswe. Kodwa ke ubushushu phantsi kungaba shushu ukogqitha ubushushu bomoya emini kuxhomekeke kuhlobo lwangaphantsi.
Ubushushu bendawo evulekileyo bungashushu kunobushushu obulinganisiweyo, ingakumbi ehlotyeni.
Ubushushu kumagqabi aselangeni ngesiqhelo ibangu 3-4℃ ukuya phezulu kunobo bulinganisisweyo. Umahluko wehla ubeku 1℃ kwimeko ezinomthunzi naxa amaqondo obushushu engapha ko 33℃.
Amagqabi adeki angabiliyo angaba phakathi ko 10-15℃ ubushushu kunalawo womoya bulinganisiweyo.

Uyijika njani iCelcious ukuyisa kwi Fahrenheit

©David Eccles
E-Mzantsi Afrika ubushushu bulinganiswa ngokwe degrees Celsius (℃). Amanzi aqina ku 0℃ abile ku 100℃ (kumlinganiselo wase lwandle). Kwelase USA amaqondo obushushu asachazwa ngokwe degree Fahrenheit. Kwisikali se Fahrenheit elona qondo lokuba amanzi abande kakhulu ngu 32℉ ze abile ku 212℉.

Translated by Zikhona Plaatjie