iZindlu i|Haru Oms eRichtersveld

Izindlu Ezilungele Uluntu

©Shem Compion
Izindlu eziqhelekileyo zama Khoikhoi zazime njengo rontabile ongqukuva obizwa ngokuba yi Haru oms. Zazisenziwa ngokujikelezisa izihlahla ezihlaza ezazincamathele phantsi, ezigobileyo okanye ezibotshelelwe zonke ngemicwe ebhityileyo yofele. Zazigqunywa ngee methi ezenziwe ngezandla ezenziwe ngezikhuni ezidityanisiweyo. Yayingu msebenzi wamadoda ukwenza isakhelo, logama abafazi babesenza amakhukho.
Ezizindlu zizi haru oms kwakulula ukuphila kuzo. Izixhobo zokwakha kwakulula ukuzifumana kwaye zingenaxabiso kummamndla wonke. Ehlotyeni, amakhukho ayevumela umoya ungene kwaye abengumthunzi kwilanga elitshisayo. Ebusika, izikhumba okanye amanye amakhukho ayencanyathiselwa kwi sakhelo ukugcina izindlu zishushu. Okungeza, xakunetha, izikhondo zazi dumba zikhuphe amanzi ngaphandle kwezindlu kwaye ukumila ngqukuva kwaku khusela izindlu zingahambi nomoya. Lilonke yayingumzekelo ongaqhelekanga wokudityaniswa.

Ukulungela Okungqungileyo

©Shem Compion
i-|haru oms zazikwazi ukususwa ziphatheka. Xa ilixesha lokuhamba, amakhukho ayesongwa lula aphathwe kusingiswe kwindawo elandelayo. Izakhiwo zazishiywa ngemva ukuze ziphinde zisetyenziswe kwixesha lonyaka elilandelayo. Kodwa ke hayi wonke amalungu wosapho ayekwazi ukuthatha inxaxheba kolutshintsho lwendawo yohlala rhoqo ngonyaka.
Abancinci kakhulu nabadala babehlala isigxina ezilalini, yayibanga bantu abangapha kwe khulu. Ezindawo zazisebenzisa izindlu ii|haru oms njengezindlu, nangona izindlu zazinga bekwa phantsi ngaphandle kokuba zibhidlikile. Eneneni, i|haru oms zazilungile kulandawo zade zenziwa nangaba phambukeli abamhlophe bokuqala ukuhlala kula ngingqi, zahlala ilolona hlobo lwezindlu elisetyenziswayo. eNamaqualand kwade kwaba yiminyaka ye 1900’s.
Namhlanje, iRichtersveld yeyona ndawo ehlabathini apho zifumaneka khona ii |haru oms. Zisetyenziswa ngamafama aqhelekileyo afuye iinkomo abahlala kwindawo yase Richtersveld, ungabona ezimbalwa kwindawo zokuhlala zale mihla, zime ngoku ngaqhelekanga eyadini ecaleni kwezindlu ezenziwe ngesitena ezintle. Kodwa ke enyanisweni ezizakhiwo zale mihla zenziwa ngezixhobo zalemihla, ezifana nokufaka iplastiki yangaphanti, kodwa zibubungqina kwisithethe sokwakha esibuyela umva kwiminyaka engama khulu eyadlulayo.

Ingozi Yokulibaleka

Ngelishwa, ubuchule bokwakha izindlu i|haru oms busemngciphekweni wokulibaleka, kwaye ligcuntswana labantu bama Nama abahlala eRichtersveld abasenaso esi sakhono.
Kodwa ke esisakhono siyingxenye yolwazi lwakudala ekufuneka siggciniwe sakhuselwa kwaye zininzi iinzame ezenziwayo ukuzama ukuhambisa oluhlazi kwizizukulwana ezintsha. Umzekelo, kutsha nje, iqela lama Nama ase Richtersveld anqumla umzila besingise kuluntu lwase//Gamaseb eNamibia ukuphinda bafundise ozakwabo ukwakha ezizindlu zesintu zenziwe ngengca.
Abantu abatsha base Richtersveld bayakhuthazwa okokuba bafunde esi sakhono, kwaye kukho ithemba lokuba ezokhenketho nezemvelaphi kumazwe jikelele (ingxenye yesizathu zizindlu ze |haru oms) zizakunikeza oluhlelo imvuselelo.

Translated by Zikhona Plaatjie