Abantu beMiqolomba Yase Sterkfontein

!Kwi kwi Cradle

©Roger de la Harpe

Ngoko mnombo, elona qela lidala labantu ehlabathini luhlanga lwabaThwa okanye lwama San. Olu hlanga lwaluhlala kwiindawo ezininzi zaMazantsi Afrika ukusukela kwiminyaka engama 30 000 eyadlulayo. Ulwimi lwabo lwesi !Kwi kunye ne mizobo yabo esematyeni (owona mzobo usematyeni mdala uneminyaka engama 70 000 ubudala kwaye eyona mizobo midala isemiqolombeni ineminyaka engama 27 000 ubudala), intama ukuba aMazantsi Afrika yindawo apho kwaqala khona impucuko yabantu.

Kuba ummandla wonke we Cradle of Humankind wawusoloko unenyamakazi ezaneleyo namanzi kunye nomhlaba ochumileyo, kuyacaca ukuba izizwe zabaThwa zazihlala kule ngingqi. Ubungqina boku bungafumaneka kuMqolomba wase Kruger Cave, phakathi kwe Rustenburg kunye ne Cradle of Humankind, nalapho iingcali zokwembiwa kwamathambo-archaeologists zafumama iintambo kunye nezixhobo zamatye ezineminyaka ebalelwa kuma 7000 ubudala. Izixhobo nezinto ezazi setyenziswa ngabaThwa nazo sele zisuka kufunyanwa kuMqolomba i Uitkomst okwi John Nash Nature Reserve.

Sele kusuka kufunyanwa neqela lemibhalo ematyeni akule ngingqi. aBathwa ziingcali zobuchule be Late Stone Age, kodwa malunga ne 1000 leminyaka eyadlulayo, ixesha le Iron Age lafika eMazantsi Afrika kunye nokufika kwaBantu. Ezi ntlanga zazingabaphambukeli zazithe chuu ukwehla ngelizwekazi ukusuka kwikhaya lalo elise Ntshona Afrika.

Eli yayilikhaya labo lamakhulu aliqela eminyaka, kwaye bafika nobuchule obutsha ukusuka eMbindi Mpuma, obufana nolimo, ukufuywa kweenkomo kunye nobuchule boku nyibilikisa benze izixhobo ngeentsimbi. Oku kwabenza bohluka kuBathwa ababe fuduka rhoqo bengenamihlambi namfuyo iyeyabo.

Ntu kwi Cradle

©David Fleminger

Eli gama lithi ‘Bantu’ lisuka kulwimi oluyingcambu (Ntu) nolusafanayo ngendlela ethile kwiintlanga ezininzi zase Afrika. Bathi njengokuba bezinza eMzantsi Afrika, baqala ukuzahlukanisa ngokwamaqela ohlukeneyo eentlanga. Intlanga nganye yabanolwimi lwayo namasiko ayo.

AbeNguni (Swazi, Zulu and Xhosa) bakhetha ukuzinza ngase lunxwemeni. Baye bahlala ngokwe mizi emincinane neyayi lawulwa ziinkosi kunye nezibonda. AbeSotho (kuquka abeTswana kunye namaPedi), kwelawo icala, akhetha ukuya kuzinza kwimihlaba ephakamileyo enengca embindini welizwe. Bazohlula hlula ngokwee ziduko ezingaphaya kwama 60.

Babekholwa kukuhlala bebaninzi kwingingqi enye, enabantu abafikelela kuma 15 000. Kukhangeleka ngathi indlela yabo yolawulo yayiba yintando yesininzi/demokrasi. Kwathi kuba ngumnyaka wama 1500AD, amalungu ohlanga lwabeSotho/Tswana lwabe sele lufudukele kwingingqi ye Cradle of Humankind. Babe sele beqale nokuzenzela amakhaya kule ndawo.

Iintlanga ezimbini zezi:BaPo kuny nabaKwena ba ka Mmatau. Iintsalela zezixhobo zentsimbi, amathango amatye enzelwe iinkomo neebhokwe zabo, kunye nezitya zomdongwe sele zifunyenwe kwiziza eziliqela kwi Cradle of Humankind. Iminyaka engamakhulu aliqela, ezintlanga zaziphila ubomi obuzolileyo nobutyebi bengaswele nto.