Zidityaniswa Njani ngo Cantsi IiHagu

© Glenneis Kriel

Eyona ndlela ingcono yokuqinisekisa imveliso ezininzi zehagu kukusebenzisa ezona hagu zilungele ukuzala. Lilonke, zama ukuthenga iihagu kubathengisi abahloniphekileyo kwintengiso yabo okanye nakumafama ngoku njalo.

Uzilungiselela Njani iiMazi ze Hagu Ukwabelana Ngocantsi

Zama ukuvalela imazi ngolwesine. Oku kuthetha okokuba, uzakuthabatha amantshotsho wayo xa sele ephakathi kweveki ezine ukuya kwezintandathu ubudala. Xa ulumla ngolwesine, ingafakwa kwindlu ekufuphi neenkunzi zehagu kodwa hayi ngaphakathi kwindlu yeenkunzi. Iimazi ezilungileyo kwaye ezinesizalo esichumileyo zizakulungela ukuya ocantsini ngosuku lange cawe kwaye zilungele ukudityaniswa nenkunzi ukuze zabelane ngesondo. Ukudibana ngesondo kufuneka kwenzeke ngomvulo okanye ngolwesibini. Xa imazi ingekakulungeli ukwabelana ngesondo ngolwesine olandelayo akufunekanga ilalwe kuba oku kungenza izale amantshontsho amancinci. Kungcono ukuyilinda imazi ezinye iiveki ezintathu.
Kufuneka ibeyi mazi esiwa kwihoko yenkunzi, hayi ngenye indlela. Imazi engeka kulungeli ukwabelana ngocantsi, ayizukuyilinda inkunzi kwaye ayizukuvuma ukukhwelwa yinkunzi. Ezinye imazi ziyayivumela inkunzi enye kodwa zingafuni kwezinye ezilandelayo. Ukuvavanya okokuba imazi ikungele ukuya ocantsini, kuyanceda ngokuyicinezela ngemva kwaye xa isima ifetshe kuthetha okokuba ingaba ikulungele ukuya ocantsini.

Inkunzi Nokwabelana Ngocantsi

Inkunzi elungele ukuya ocantsini ikhupha amathe angqindilili oku kogwebu.
Hlala uyigcine kwihoko yayo inkunzi – zisa iimazi kuyo. Xa uyisa kwenye ihoko, izakuchitha ixesha ijonga lendawo intsha. Ukugcina inkunzi kwindawo yayo kuyenza izive izithembile kwaye izakukhawuleza ingene emsebenzini.
Zama ukusebenzisa noko iinkunzi ezimbini ukukhwela iimazi kodwa nikeza ikhefu yeyure ezingama 12-24 kwaye umane uzitshintsha. Umzekelo, sebenzisa unamba 1 ngomvulo emveni kwemini, uzebenzise unamba 2 kusasa ngolwesibini. Iinkunzi zisebenza ngcono xa kupholile emini.
Xa umhlambi wakho umkhulu ukuthabatha iinkunzi ezimbini kuphela, sebenzisa inkunzi enye kwimazi ezingama 16. Ingalala nemazi ezimbini ukuya kwezintathu ngeveki, kwaye nganye kufuneka iyilale kabini. Zama ukutshintsha iinkunzi rhoqo kwinyanga ezintandathu ukuze zingamithisani zihlobene. Kubalulekile ukugcina inkcukacha ukuze uyazi okokuba yeyiphi inkunzi esetyenzisiweyo kwaye idityaniswe neyiphi imazi.
Musa ukuyiphazamisa inkunzi xa idibana ne mazi ngocantsi. Idinga ubuncinci bemizuzu emihlanu, ukuya kwishumi elinantlanu (15) ubuninzi ukugqiba ukukhuphela incindi yayo. Inkunzi ikhupha incindi engama 200 ml rhoqo idibana ngesondo. Xa imazi sele idibene nenkunzi, yikhuphe kwihoko yenkunzi de kufikelele ixesha elilandelayo lokudibana ngocantsi kodwa yigcine isondele kwinkunzi nangona ikweyayo ihoko. Ukuphazamisa ucantsi kungenza amantshontsho amancinci.
Xa inkunzi ingadibani ngesondo kungenzeka enye yezi zilandelayo: inentlungu, (inyawo, imilenze, umqolo) okanye inomdla osezantsi wocantsi. Okanye imazi ayikakulungeli ukwabelana ngocantsi.

Translated by Zikhona Plaatjie