Yintoni Ulawulo Lwe Fama?

© Courtesy of National Pork Board and the Pork Checkoff. Des Moines, IA USA.
Kwezolimo amafama adinga ukusoloko ehambelana nokutshintsha kweemeko. Ezi meko zitshintshayo zingaquka amaxabiso ehla enyuka epetroli, imbewu, imathiriyeli yokupakisha kunye nokutya kwemfuyo, izigqibo ezitsha ezenziwe ngurhulumente, iimeko ezitshintshayo ze makethi kunye neendlela ezintsha zemveliso. Ulawulo olu lungileyo lwefama lwenza ukuba umfama enze utshintsho olungcono oluhambelana notshintsho olwenzekayo ukuze alawule iindleko, acuthe ubungozi aze anyuse nengeniso.

Umfama Njengo Mphathi

Umfama unendima ezimbini ezibalulekileyo. Njengo mphathi kodwa aphinde abengumlimi. Izakhono zokulima zisebenzisa amandla nezandla; logama ezokuphatha zimayelana nokwenza izigqibo nokuhlela kunye nokuzilandela.
Ukulawula ifama, umfama kufuneka ahlele, azazi nokuba uzakuyifezekisa njani iminqweno, aqokelele nezinto azokuzidinga - ezifana nabasebenzi, imali, ixesha, umhlaba aze alawule yonke indlela ezi zinto eziza kuqhutywa ngayo.
Eyona nto ibalulekileyo kulawulo lwefama kukwenza izigqibo. Izigqibo zingasuka kwisityalo ukuya kwisivuno, ixesha lokunkcenkceshela, indawo ekuthengwa kuyo imfuyo, kungathengiswa nini, kuthengiselwe imakethi enjani, kusetyenziswe obuphi ubuchule betheknoloji kwakunye nendlela yokwahlula hlula abasebenzi ngokweendawo ezahlukeneyo zefama.

Izinto Ezenziwa Kulawulo Lwe Fama

Ulawulo lwefama lungaquka ezi zinto zilandelayo:
Qwalasela iingxaki ezinokwehla kunye namathuba.
Khetha izisombululo ezinokusebenza.
Sebenzisa Icebo/uhlelo.
Lawula inkqubela yohlelo kunye nezisombululo.
Dibanisa imisebenzi ukuze uphumeze iinjongo zakho.
Hlola iziphumo zecebo lakho.

Information Systems Zolawulo Lwe Fama

Ukuze amafama akwazi ukulawula iifamazawo,adinga ubuchule be information system. Ingaba amafama azifumanaphi iinkcukacha mayelana neefama zabo? Iinkcukacha zefama zingasuka kwiindawo ezimbini, ngaphandle kwefama kunye nalapha kwifama ngaphakathi.
Iinkcukacha zangaphandle zingaquka iiwebsite, farming apps, magazine articles, farmers’ days, study groups, consultants kunye ne cooperatives.
Iinkcukacha zangaphakathi ziquka ushicilelo lwefama kunye neefinancial statement - ezinye izizathu ezibini zokubaluleka koshicilelo nokugcinwa kweenkcukacha zefama.
Ushicilelo lwefama luvamise ukuqulatha imiqulu efana ne physical inventory, ushicilelo lwemali etyalwayo nemali edinga ukubhatalwa, ushicilelo lwemali engenileyo kunye nenkcitho, ushicilelo lwa basebenzi, olwemitshini kunye noshicilelo lwemveliso.

Kutheni Iinkcukacha Ze Fama Zibalulekile?

Iinkcukacha ze fama zibalulekile ukuze kumetwe indlela eqhuba ngayo nenkqubela phambili yefama. Ezi nkcukacha ziba sisiseko sokuthelekisa indlela ifama eqhuba ngayo ngoku kunye neminyaka edlulileyo. Ukuba neenkcukacha zegama noshicilelo kunceda amafama ukuba abeke izinto iminqweno afuna ukuyifezekisa aze ahlole nesimo sezezimali se fama, ngokwaleminqweno.
Zinganceda umfana akwazi ukubona ukuba ifama yakhe isilela ndawoni kwaye iqhuba kakuhle ndawoni. Ukuba noshicilelo lwezezimali olume ngendlela kunganceda kulawulo lwezezimali lwasefama. Ushicilelo lwefama lunganceda umfama ekubeni aphucule uhlelo we rhafu, abenesisekelo sokuboleka iimali kwibhanki okanye afumane utyalo mali kwaye akwazi ukubona imali engenayo nephumayo yase fama.
Kubalulekile ukuba nolawulo olungqingqwa kwimali yase fama ukuze wazi ukuba kusetyenziswe malini, ngaliphi ixesha ngonyaka.

Translated by Zizipho Silwana