Yintoni Ukonyuka Kolophu?

© National Association of Farm Broadcasting (NAFB)
Amanzi angafumaneka ngendlela ezintathu- eqinile njenge ziqede, njengamanzi, okanye nge gesi eli lophu. Ukonyuka kolophu kwenzeka xa amanzi ejikeka abengu mophu owonyukayo. Xa kusenzeka oko, amanzi ayasuka kulondawo iphuma ulophu-indawo ezifana nolwandle, amadama, imilambo, imihlaba kunye nendawo ezimanzi ezinezityalo.
Ulwanyuko lomophu olusuka elwandle okanye kumadama luthi lukhokhelele ekubeni kunethe imvula, kodwa ulwanyuko lomophu olusuka kumadama agcina amanzi okunkcenkceshela yingxaki. Amadama amakhulu, anzulu kwindawo ezishushu ezomileyo aye angasebenzi kakuhle.

Yintoni Eyenza Ukonyuka Kolophu

Kufuneka amandla ukuze kutshintsheke amaqabaza amanzi ajike abelu lophu. Imitha yelanga yiyo enikeza lamandla, kodwa zikhona izinto ezimbalwa ezithi zichaze ulophu oluzakonyuka.
Ubushushu. Amazinga obushushu aphezulu onyusa amathuba okonyuka kolophu.
Ukufuma. Umoya owomileyo wonyusa amathuba okonyuka kolophu.
Umoya. Umoya oshushu, owomileyo uthabatha indawo yomoya ofumileyo kwaye yenza ulonyuko lomophu lwenzeke ngoku khawuleza. Yinto ebalulekileyo le kumazantsi we Orange River, Vaalharts, Riet River kunye namahlelo okunkcenkceshela kwi Sandvet kunye nakwindawo zolimo ezifumana umoya iberg wind.
Ukuphola, umoya ofumileyo osuka kulwandle olubandayo lwenyusa ukufuma kwaye lwehlisa amazinga okonyuka kolophu.

Ukonyuka Kolophu kunye Nesimo Sezulu eMzantsi Afrika

U-Mzantsi Afrika usesiphakathini kwindawo ezonyukayo. Amaqondo obushushu aphakathi ko 30 ukuya ku 60 degrees south, kunye namantla we ikhweyitha. Ukongeza, uMzantsi Afrika unamaqondo obushushu aphezulu kunye nokufuma okusezantsi, konke oku kunegalelo kumazinga aphezulu okonyuka kolophu.
Ukonyuka kolophu kwindawo zolimo ezifumana imvula engapha kwama 500 mm ngonyaka iphakathi kwama 2 000 no 2 600 mm ngonyaka. Thelekisa oku kwindawo ekwi Central Europe, efumana umlinganiselo wemvula ofanayo. Lendawo ingonyukwelwa lulophu kumaqondo we 300 mm ngonyaka, indawo enamaqondo aphezulu wemvula.
Kweli lizwe lo Mzantsi Afrika ukonyuka kolophu kwahluka ukuqala ezantsi kuka 1 400 mm ngonyaka kwindawo ze Drakensberg /Maluti ukuya ngapha ko 2 800 mm ngonyaka kwindawo ze Kalahari. Ubudlelwane buyaphikisana phakathi kwemvula ephakathi kunye nolonyuko lolophu oluphakathi; xa amazinga emvula ephezulu, amazinga okonyuka kolophu asezantsi.
Kubalulekile ukuqaphela okokuba xa amathuba okonyuka kolophu ephezulu enzeka kwindawo zenkqubo zokunkcenkceshela eMzantsi Afrika, nje ngamazantsi we Orange River, Vaalharts, Douglas, Rama kunye nakwi ndawo ze Barkley West.

Ukonyuka Kolophu no Mhlaba

Amazinga amanzi emhlabeni anegalelo elibalulekileyo kwilahleko yokonyuka kolophu. Ulwanyuko lolophu lwenzeka kakhulu ukusuka phezulu komhlaba ongu 15 ukuya ku 20 cm ngaphezulu komhlaba.
Ulwanyuko lolophu lwenzeka ngoku khawuleza ukususela emhlabeni phantsi kwimihlaba enamazinga amanzi asondele kubungakanani bentsimi. Ubungakanani bomhlaba ngamanzi ashiyeke emhlabeni emveni kokuba kukhanywe amanzi aseleyo. Imigqobho emikhulu emhlabeni igcwaliswa ngomoya namanzi logama imigqobho emikhulu isagcwele amanzi.
Xa unkcenkceshela, zama ukwehlisa ukonyuka kolophu. Ungakwenza oku ngokuthi wenyuse ubungakanani bomhlaba entsimini. Faka amanzi adingekayo xa unkcenkceshela ze ulinde ngokwaneleyo phambi koku nkcenkceshela kwakhona – linda ixesha elaneleyo phakathi kwamaxesha okunkcenkceshela. Ukhumbule okuvumelekileyo nokunga vumelekanga malunga nemfuno zamanzi kwisivuno sakho. Oku konyusa ixesha apho umhlaba ukufuphi kubungakanani bentsimi kwaye ngenxa yoko kwehlisa amazinga okonyuka kolophu.
Kodwa ke hlala ugcina umhlaba umanzi ngokuthi umane unkcenkceshela kancinci kwenza ilahleko enkulu kukonyuka kolophu. Imigquba kunye nezinye ezogquma umhlaba zingasetyenziswa ukunciphisa ukonyuka kolophu kumhlaba ophantsi.

I-Evapotranspiration

Ukwenyuka kolophu kunye nokuphefumlelwa kwezityalo kwenzeka ngaxesha nye. Ulwanyuko lolophu kukulahlekelwa ngamanzi (emhlabeni) logama ukuphefumlelwa yilahleko yamanzi ngophunga owonyukayo kumagqabi esityalo.
Xa uhlwayela, phantse yonke i-evapotranspiration ulophu lonyuka ukusuka emhlabeni phantsi, kodwa xa isityalo sikhula uninzi lomhlaba logqunywa ngamagqabi esityalo. Xa igqabi logqume ngokupheleleyo, ngapha kwama 90% we evapotranspiration isuka kukonyuka kolophu.
I-evapotranspiration enokuthi yenzeke ngamazinga okonyuka kolophu nekubila kwezityalo ukususela kukulinganiselwa kwengca ephantsi enempawu ezithile kwaye ayifani iphelelwe ngamanzi. Oku kusetyenziswa njenge ndlela yokujonga umlinganiselo ngokwemfuno zamanzi kuzo zonke izivuno.

Translated by Zikhona Plaatjie