Yellow Arum

© Roger de la Harpe

Igama

Yellow Arum

Igama le Latina

Zantedeschia sp

Ingcaciso

I yellow Arum likhamba le ndalo elimthubi ngombala. Ingcambu zayo kunye nezityalo ezintshulayo zinomtsalane. Amagqabi avela ngenyanga ka October. Inkangeleko yale ntyatyambo imbala omthubi ongaxengwanga. Ayisetyenziswa ukunyanga izifo nokondla le ntyatyambo. Ixesha layo lokuhluma yi nyanga ka November.

Zifumaneka Phi

Esi sityalo sikhula phakathi kwamatye ezintabeni zaku Tsolo kwakunye neNtaba Insizwa. Ezi zityalo zikhula kumahlathi anelanga elinintsi apho kungekho mthunzi khona kodwa kubekho imvula ngamaxesha akhethekileyo onyaka.

Amanqaku Endawo

Esi sistyalo sesinye sesibhozozo kumahlelo oluhlobo lwezityalo kuMzantsi Afrika, luye lutsalele nakuMbindi Mzantsi Afrika nokuyela kumantla ayo ngase Tanzania.
Lonke oluhlobo lwesityalo luvunwa ngexesha leemvula ezinintsi, ngaphandle kwe xesha laseBusika kwaye lusasazeke ndawo zonke zoMzantsi ingakumbi kwindawo ezixineneyo nezifumileyo.