Weisser Riesling

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

iWeisser Riesling ngumdiliya osetyenziselwa ukuvelisa iwayini ezimhlophe ezihlwahlwazayo (sparkling) kunye nezinencasa ezi dry kunye nezinye eziswiti. Ibonwa njenge nkosi ye wayini zase Jamani.

Ngokwentlolo ye DNA ifumene iGouais blanc njengo nozala we Weisser Riesling, kodwa igama lomnye unozala akukabikho siqiniseko ngalo, kukho amarhani okuba isenokuba ngumdiliya wasendle, i, Traminerokanye umxube phakathi kwenye indidi yasendle kunye ne Traminer.

Imvelaphi

iWeisser Riesling ilinywe e Europe ukusukela mandulo (Middle ages) kwaye ikhangeleka ingathi ingcambu zayo zikwilali yase Rhine ese Germany.

Yazuza impumelelo enkulu kwi Sentyuri zama 19 nezama 20 ngethuba amaxabiso ale wayini ayethelekiswa nezihamba phambili ze Burgundy kunye ne Bordeaux. Ukubhideka kwe makethi, kwaqala xa abavelisi basebenzisa eligama nakwezinye indidi ukusebenzisa igama eliyimpumelelo le Weisser Riesling, oku kwenzeka nase Mzantsi Afrika.

Amanye Amagama

Amanye amagama aquka: iRhine Riesling,i Riesling, iPetit Riesling kunye ne Ryn-Riesling.

Imveliso eMzantsi Afrika

Imithana ye Weisser Riesling yokuqala yaziswa eMzantsi Afrika ngeminyaka yo 1960 yaze yakhutshelwa imveliso yoshishino pha embindini yeminyaka yo 1970. Enye yemiceli mngeni yalomdiliya yaba kukubhidaniswa phakathi kwayo ne Cape Riesling, eneneni ayiyo ne Riesling kodwa yi Crouchen.

Ukulungisa olubhidano, umthetho walungiswa ngomnyaka ka 2010 ukuze igama le Riesling lisetyenziswe kuphela kwiwayini eziveliswe ngomdiliya we Weisser Riesling. Abavelisi abahamba phambili be Weisser Riesling eMzantsi Afrika, baqulunqe umbutho oyi Just Riesling Association ukuphucula ulwazi nomdla kulomdiliya.

Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

Nangona imidiliya ye Wiesser Riesling ifumaneka kuzo zonke iingongqi ezivelisa imidilua kweli lizwe, indawo ephantsi kwemveliso incinic kakhulu. Inkoliso yalomdiliya ifumaneka e Stellenbosch, ilandelwa yi Cape South Coast kunye ne Paarl. Lomdiliya uyachuma phantsi kwemo zezulu ezipholileyo.

Ukukhula

Ayichumi kuyaphi, kwaye ithwala isivuno esingesikhulu kuyaphi esibaphakathi kwe 10t/ha ukuya kwi 12t/ha.

Ukuvuthwa

Imidiliya ivuthwa kwangethuba, ukusukela ekuqaleni kwenyanga ka Februwari ukuya ekuqaleni kweka Matshi.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa alomdiliya arawndi, mancinci ukuya phakathi ngokomlinganiselo kwaye anombala oluhlaza ocacileyo ukuya kotyeli-luhlaza. Amaxolo ayakhanya kwaye omelele, logama inyama yangaphakathi ithambile kwaye inamanzi amaninzi.

Amagqabi

Amagqabi arawndi, aphakathi ngokomlinganiselo, aluhlaza ocacileyo kwaye anekona ezintlanu.
©Glenneis Kriel

Izonakalisi Nezifo

iWeisser Riesling ichaphazeleka lula zizifo ze botrytis ne sour rot.

Imisebenzi

Apha ekhaya, isetyenziswa ukwenza iwayini ezi off-dry wines okanye iwayini eziselwa emva kwesidlo (dessert wines) ngohlobo lwe Noble Late Harvest okanye Natural Sweet.

Incasa

The variety produces wines that range from a pale straw to yellow gold colour. It makes well-balanced aromatic wines with flowery or fruity bouquets and subtle peppery and muscat flavours.Translated by Zizipho Silwana