Uzityisa Kanjani Iibhokhwe Ezigulayo

©Marinda Louw
Iibhokhwe azi zozilwanyana ezikhuliselwa ukuvalelwa. Zithanda ukuzula -zula ngoku khululekileyo, zikhethe ezona zityalo zingcono ezikukutya, yiyo lonto ukuvalelelwa kukhokhela kwiingxaki zempilo ingakumbi kwibhokhwe ezifuyelwa inyama. Iibhokhwe ziyakhawuleza ukuqhela kwaye zomelele kodwa ziyakhawuleza ukuzikhathaza kwaye maxa wambi zikhawuleza zincame xa zigula. Iibhokhwe zizilwanyana ezithanda ukuhamba zingumhlambi, hayi ukuba zodwa, yikucaphukela. Lilonke ibhokhwe ezimele yodwa kufuneka ihlolwe kuqhaphelwe okokuba yintoni ingxaki.
Ibhokhwe engakwazi ukumisa intloko, engakwaziyo ukuhlafuna ukutya okuqinileyo akufuneka inyanzelwe ityiswe ubisi, ingqolowa okanye ukutya. Ukutya kuzakuhlala kungacolekanga esiswini oku kungenza ingxaki okanye kuthintele ukuphila. Xa ibhokhwe ingakwazi ukuma, yimise nkqo edongeni uyijika-jike macala ukuqinisekisa ukuhamba kwegazi nokuqinisekisa okokuba iyeza elinikeziweyo lihamba-hamba umzimba wonke. Isiselo sibalulekile. I-electrolytes, okanye izinikezi manzi emzimbeni kufuneka iziseliswe. Umfama anganikeza amayeza afanelekileyo, kodwa xa ibhokhwe iphelelwe ngamanzi emnzimbeni, iyafa. Xa ibhokhwe ilele, qinisekisa amanzi akwi sitya esifikelelekayo esifana nesezinja.
Izilwanyane ezigulayo zidinga amanzi ngakumbi, Amandla ne protein kunezilwanyana ezisempilweni kodwa zingenawo umdla wokutya. Khuthaza umdla wokutya ngokutya okuncinci ngexesha, ukwenze kube manzi wongeze incindi okanye ityuwa ukwenza incasa. Ingca ehlaza esentsha namagqabi asandula kukhiwa anikeza isondlo. Isilwanyane esigulayo kufuneka sifumane ukutya okuncinci okune zakhamzimba kahlanu ukuya kwisithandathu ngosuku kwaye zityiswe bucala kwezinye izilwanyana ukuze zitye ziphumle zingaphazamiseki.
Ngesiqhelo izilwanyana ezigulayo zitya kancinci zidinge ixesha elininzi lokutya kunezilwanyana ezise mpilweni. Eyona ngxaki neebhokhwe ezindala ezigulayo kukuba amajoni omzimba anganga lingani okanye angabikho kwisimo sempilo. Amanye amafama anikeza iyoghati engekho switi, ixutywa ne oats okanye incindi yobusi, ukunceda ukulungisa I’gut flora’ okanye amajoni omzimba.

uWatyisa njani Amatakane Agulayo

©Chris Daly
Amatakane ebhokhwe asandula ukuzalwa, xa ekhawuleza ancance ubisi lokuqala olwaziwa nge ‘colostrum’ (ubisi lokuqala luka mama emveni kozala) lubalulekile kwimpilo yethole ukuze liphile. Kungenjalo, lizakuphelelwa ngamanzi ngoku khawuleza emzimbeni life. Ukusindisa ithole, umfama kufuneka anikeze okuselwayo okulilibisi lokuqala elisuka kumama wethole okanye okuthatha indawo yolubisi lokuqala, hayi ipilisi yolubisi.
Ukuphelelwa ngamanzi emzimbeni yingxaki enkulu nokuhambisa kuma takane ebhokhwe nokunikeza amanzi ngomlomo, yeka ukunikeza ubisi noko kuthatha indawo yobisi unikeze umlinganiselo omnye we electrolyte ezingamanzi. Kwi meko ezimaxongo, zenzele ekhaya ielectrolyte ngokuxuba ilitha yamanzi kumacephe amancinci amabini wencindi, ½ icephe elincinci letyuwa kunye ne ¼ yephe elincinci lomgubo wokubhaka (baking soda).
Uyacelwa uQaphele: Ulwazi lwenzelwe ukufundisa, kunye nenjongo zokunikeza ulwazi oluphangaleleyo, kwaye akufunekanga oku kubhaliweyo kubonwe njenge ngcebiso yezempilo. Olu lwazi alwenzelwanga ukuthatha indawo yengcebiso zempilo okanye unyango olunikezwa ngu Grirha wakho wezilwanyane.

Translated by Zikhona Plaatjie