Utyatyazo lweHagu

©Glenneis Kriel
Utyatyazo yingxaki enokukhokelela ekubhubheni kweehagu ukuba alunyangwanga. Amafama kufuneka agade iimpawu zotyatyazo ezifana nelindle elimanzi okanye elithambileyo ngaphambi kokucoca indlu ehlala iihagu. Ilindle lisenokuba mnyubulizi, ngwevu, tyheli, luhlaza libenegazi kwaye libenevumba elingaqhelekanga.
Ngokomkhomba ndlela wemveliso obhalwe ngumbutho wabavelisi bee hagu base Mzantsi Afrika iSouth African Pork Producers Organisation (SAPPO), iPigs for Profits, utyatyazo luvamise ukuhlasela amantshontsho eehagu, kodwa lusenokuhlasela neehagu esele zikhulile. Ludla ngokubangelwa kukutshintshwa kokutya okutyiswa iihagu, ukutya ngokugqithisileyo, uxinzelelo lokulumla amantshontsho ebeleni, izifo kunye neentshulube.

Ukutshintshwa Kokutya, Uxinzelelo Lokuyeka Ukuncancisa kunye Nokutya Ngokugqithisileyo

Ukuthintela uxinzelelo lokuyeka ukuncancisa, nokuba amantshontsho angatyi ngokugqithisileyo, iPigs for Profits icebisa amafama ukuba anike iimazi ukutya okunezinongo ezilungileyo ukuqinisekisa ukuba zinobiso olwaneleyo lokuncancisa amantshontsho azo. Amantshontsho kufanele anikwe imilinganiselo emincinci yokutya okuqinileyo xa sele enentsuku ezingama 21 ubudala. Ukuze aqhelane nokutya okuqinileyo. Ukutya kufuneka kungabikuninzi kwiintsuku zokuqala zokulumla amantshontsho ukuze iimazi zingatyi ngokugqithisileyo.
Ukutya okutsha okanye izithako zokutya kufuneka kuqalwe kancinci kancinci kangange veki, ukuthintela ukuba izisu zeehagu zonke zingahambisi.

Izifo

iPigs for Profit ifumanise ezizifo njengabona nobangela botyatyazo abaxhaphakileyo:
iColibaccilosis ibangelwa kukwanda ngokugqithisileyo kweentsholongwane ye Escherichia coli (E.coli). Esi sifo sichaphazela amantshontsho eehagu kwiveki ezintathu zokuqala ezelwe kunye nemazi ezincancisayo. Amantshontsho achaphazelekileyo avamise ukungabinamdla wokutya, anyabe kwaye angabulawa kukuphela kwamanzi emzimbeni. Esi sifo singabulala iihagu ngesiquphe, kube kungakhange kubekho zimpawu zibonakeleyo zesi sifo.
iColibaccilosis ibakhona xa amantshontsho aselula engafumani colostrum (intlobo yobisi lokuqala eliveliswa ziihagu kanye emva kokuzala amantshontsho) yaneleyo, kwiyure ezintathu zokuqala emva kokuba ezelwe. Okanye xa engafumani bisi lwaneleyo kunina. Ngoko ke, kufuneka kuqinisekwe ukuba afumana icolostrum eyaneleyo kwiyure ezintathu zokuqala emveni kokuba ezelwe, kwaye iimazi kufanele zinikwe ukutya okunezondlo ezaneleyo ukuqinisekisa ukuba zivelisa ubisi olwaneleyo.
Uxinzelelo olubangelwa kukulumla amantshontsho ekuncanceni, ukutshintswa kokutya okanye ukudibanisa amantshontsho endaweni enye-Ingakumbi ukuba awalingani, kunganegalelo kwingxaki ezichaphazela amantshontsho asele emadala. Le ngxaki ingasonjululwa ngokunika amantshontsho umlinganiselo omncinci wokutya okuqinileyo ukusukela kwiintsuku ezingama 21 ukuya phambili, ukuze aqhelane nokutya. Nangokunciphisa ukutya kwiintsuku zokuqala emva kokuwayekisa ukuncanca.
Iihagu ezigulayo kufuneka zinyangwe ngee of antibiotics, zinikwe namanzi amaninzi kunye ne electrolytes ukuthintela ukuphelelwa ngamanzi emzimbeni.
iRotavirus sisifo esiyintsholongwane eyosuleleyo, nesibangela umhambisos ongamanzi. Esi sifo sihlasela kakhulu amantshontsho kwiiveki ezintathu zokuqala emva kokuba ezelwe. Esi sifo asinachiza lokusinyanga.
iCoccidiosis, ibangelwa ziintshulube. Esi sifo sichaphazela kakhulu amantshontsho eehagu, kwiiveki ezintathu zokuqala zobomi bawo. Esi sifo sikhokelela kubulongwe obumhlophe ukuya kobuthyeli obunogwebu. Esi sifo singanyanwa ngeeantimicrobial.
iClostiridium sisifo esiyintsholongwane esichaphazela amantshontsho eehagu kwisithuba seveki ezintathu zokuqala ezelwe. Iihagu ezichaphazelekileyo zihambisa ubulongwe obunegazi kwaye maxa wambi zingasuke zife ngaphandle kwesizathu esicacileyo. Esi sifo ke asinachiza lokusinyanga.
iSwine dysentery sisifo esiyintsholongwane nesixhaphake kakhulu kumantshontsho asakhulayo. Esi sifo singathwalwa ziimpuku, ngoko ke amafama kufanele athintele iimpuku zingabikho kwiindawo zemveliso. Iihagi ezichaphazelekileyo ziyehla esiqwini, kwaye nobulongwe bazo buyathamba bubenombala ongwevu omdakana. Esi sifo singanyangwa ngeeantibiotics.
Illeitis, ibangelwa yintsholongwane ye Lawsonia, esi sifo sivamise ukuchaphazela amantshontsho asakhulayo. Iihagu ezichaphazelekileyo zibanotyatyazo olunegazi, kwaye maxa wambi zingafa ngaphandle kwesizathu esicacileyo. Esi sifo singanyangwa ngee antibiotics.
Zonke ezi zifo zingathintelwa ngokuqinisekisa ucoceko nokondla iihagu ngendlela efanelekileyo. Elinye lamanyathelo okuqala ngethuba kuqhambuke ezi zifo, kukohlula iihagu ezigulayo kwezo ziphilileyo ukuthintela ukwanda kwezi zifo.

Iintshulube

Intshulube zingabangela utyatyazo ukuba zininzi. Ukuthintela iintshulube, iihagu kufuneka zisezwe amachiza okukhupha iintshulube rhoqo. Kwaye nendawo ezihlala kuyo kufanele igcinwe icocekileyo futhu yomile.