Uqala Njani Ukugcina iiNyosi

© Chris Daly
Ukugcina iinyosi kunga mnandi kakhulu kwaye ibeyindlela yokuzonwabisa ngaphandle, kodwa oku kungakhula ibengumsebenzi opheleleyo weshishini lokuthengisa. Umfuyi ongumthengisi weenyosi uyakwazi ukuba neenyosi ezininzi kwaye avelise iimveliso ezenziwe ngobusi ezifana nencindi yobusi, ipropolis kunye ne ncindi kwaye uyakwazi ukoluleka bnokufundisa abagcini nyosi abatsha. Ukugcina iinyosi kona, ngumsebenzi onzima kodwa nabani na othi awenze ngokuzonwabisa ubuya nobusi.
Umbutho we South African Bee Industry Organisation 'SABIO' yohlula kwabo bagcina iinyosi ngenjongo yokuzonwabisa 'Abane fusi leenyosi' kunye nabagcini nyosi abangabathengisi abalawula ukususela kuma 800 ukuya kuma 10 000 wama fusi eenyosi. Abasakhasayo okanye abasakhulayo abagcini nyosi abangenawo amafusi enyosi alishumi ukuya kwi khulu elinamashumi amahlanu. Ezi zigcinwa zilawulwe yimizimba yabezoshishino bonke 'co-operatives' okanye njengenzame zophuhliso koluntu ekuhlaleni.
Phambi kokuqala umsebenzi wokugcina iinyosi, khumbula oku: Ukugcina iinyosi kuyafana nokulawula izilwanyana, kufuneka uzijonge, uqinisekisise zisempilweni kwaye zikhuselekile, zinokutya, amanzi, kwaye okokuba ikhona indawo yokuba zande. Kwaye ke ukugcina iinyosi ingangumsebenzi onzima. Kufuneka ubambe amafusi eenyosi anobunzima, agcwele ubusi nokususa iinyosi kumnyango ngamnye ngenjongo yokuvelisa ezininzi. Ngexesha lasehlotyeni kufuneka amafusi enyosi ahlohlwe rhoqo ngeveki, Qala ujonge okokuba apho zigcinwa khona akukho ezisencinci, kwaye nokuba indawo ingakwazi ukwandiswa inzala yazo kunye nokujonga izifo.

Izinto Ezidingekayo xa uGcina iiNyosi

©Chris Daly
Xa usaqala ugcina iinyosi, udinga nje izinto ezine:
Kufuneka ufunde ngeenyosi, kunye nokuzigcina. Into yokuqala ekufanele uyiqonde kokokuba ibubu lenyosi lidibene njani. Uzakudinga nolwazi ngokwakhiwa kwenyosi, izifo zenyosi, imisebenzi yeenyosi eyahlukileyo kwi fusi lenyosi nokuba incindi yobusi ikwenza njani ukutya ngokwendalo.
Okwesibini, umfama wenyosi osemtsha udinga indawo yokubeka iinyosi zokuqala. Lendawo ingayindawo enezityalo okanye indawo enemithi 'umzekelo i-eucalyptus' okanye ibala lezityalo 'umzekelo amatswele'.
Okwesithathu, umfama weenyosi osemtsha udinga ifusi lenyosi kunye nendawo yokuhlala iinyosi. Ifusi lenyosi elilungileyo kulula ukulikhathalela, ligcina iinyosi zikhuselekile kwaye zinikeza indawo yokwakha indawo zobusi kukhule nezise ncinci.
Okokugqibela, kubalulekile ukuba neempahla ezilungeleyo 'ukuze umnikazi angalunywa ziinyosi' kunye nokulandela imithetho xa ugcine iinyosi kunye nezixhobo.
Qinisekisa okokuba awuguli xa uthe walunywa ziinyosi. Khumbula, xa uthe walunywa ziinyosi awuye ubonakalise iimpawu kwangoko ukungadibani nokulunywa ziinyosi kungazibonakalisa emveni kokulunywa amatyeli abalekayo. Dibana noGqirha wakho ukuze uhlale unamayeza okukunceda.
Bonke aba gcini nyosi kufuneka babhalise nesebe lezo Limo, Amahlathi kunye nee Ntlanzi 'DAFF'. Ubhaliso lwenzeka phakathi komhla wokuqala ku janyuwari ukuya kumhla wama 31 ku matshi kwaye kufelefele. Khangela iDaff ukuze ufumane iimpepha zobhaliso olubhalwe ‘Beekeepers registration form’.

Translated by Zikhona Plaatjie