Ungazikhulisela Njani iiHops Zakho

© Chris Daly

iiHops – Eyona Nto ibalulekileyo Ekudidiyelweni kwe Bhiya

iiHops ziintyantyambo ezizimazi ezomisiweyo, zohlobo lwe Humulus lupulus. Kwaye zikusapho olunye nolwe Ntsangu. Ezi ntyatyambo zezona zisetyenziswayo njengenye yezona zinto zokudidiyela ibhiya. Ikhupha incasa ekrakrayo enendawo ekhakhazelayo, logama ikwasebenza njenge preservative yendalo. Isityalo se hop sikhula lula, kwaye singafikelela kuma 7.6m ubude ngexesha. Sivelisa isibalo esifikelela kuma 900g eentyatyambo ezomileyo.

Ukulungiselela Ukutyala iiHops Zakho

©Chris Daly
Inyathelo lokuqala xa ukhulisa ihops zakho, kukhetha ukuba ufuna ukukhulisa eyiphi indidi yee hops. Kukho iindidi ezingaphaya kwama 80 ezahlukileyo onokukhetha kuzo. Iindidi zee hops zohlulwe kathathu: ezikrakrayo, ezinencasa kunye nezinencasa zombini, kuxhomekeke ngokwenjongo ezenzelwa yona. Ezinye ezidumileyo iindidi ezahlukeneyo ze hop zase Mzantsi Afrika varieties in South Africa ziquka iAfrican Queen, Southern Aroma, Southern Passion kunye ne Southern Star.
Xa sele uyikhethile indidi ye hop, kuzakufuneka ufumane amagaqa e rhizomes. Iihop rhizomes ziyinxalenye yengcambu yesityalo. Zikhangeleka okwe mithi yediliya okanye iintonga kwaye zinamagaqa ekukhula kuwo isityalo. Iirhizomes kufanele zimanziswe kancinci, zifakwe eplastikini ze zifakwe efrijini ukuzigcina zipholile. Zingagcinwa ngalendlela iinyanga ezininzi ngaphandle kwamagingxi-gingxi.

Eyona Ndawo Ilungele Ukutyala iiHops

©Chris Daly
Iihops zidinga umtyhi ophangaleleyo ukubheka phezulu kuba zikhula zibende kakhulu. Akufanelanga ukuba zikhuliselwe endlini, ngenxa yesi sizathu. Eyona ndawo ingalungela ukuzikhulisa kungafuneka ukuba ibenomtyhi omalunga nesithathu ukuya kwisithandathu se mitha ukubheka phezulu-Ungaze ukhulise izityalo zakho kwiipali zombane. Kufuneka kubekho negumbi elaneleyo emhlabeni, ukuze iihop rhizomes zityalwe ziqelelane kangange 1.5m phakathi kwendidi ezahlukeneyo ze hop.
Ingingqi okhethe ukutyala kuyo kufuneka ibenobuncinane beeyure ezintandathu ukuya kwezilithoba zelanga elibetha kuzo ngqo. Kufanele utyale kwindawo apho enomoya omncinci nekwazi ukufunxa amanzi kakuhle. Ukuba ukufunxeka kwamanzi kuyingxaki ungenza induli ye hop ngomhlaba kunye negrabile/ umxube wesanti ukwenza umandlalo wokutyalo oyeke-yeke.

Umhlaba Olungele Ukutyala iiHops

©Chris Daly
iiHops azichumi ukuba kukho ubumanzi obuninzi emhlabeni. Umhlaba wodongwe opakisheneyo ungabolisa iingcambu ze ubulale isityalo sakho. Owona mhlaba ulungele ukutyala iihops kufanele ibe yeke-yeke ukwazi nokufunxa amanzi. Qiniseka ukuba ususa zonke izigaqa, amatye kunye nokhula olusemhlabeni phambi kokuba utyale. Vunguza umhlaba malunga nobunzulu obungama 30cm. Usenokuwuchumisa umhlaba wakho nge bone meal okanye iblood meal. Ubukhulu becala, umhlaba okwaziyo ukukhulisa iziqhamo nemifuno ungakulungela nokukhulisa iihops.
Kwabo bafuna ukukhulisa izityalo zabo ngendlela, umhlaba olungele ukutyala umi ngoluhlobo:
pH ye 5.5 - 8.0
Kufanele ipotassium (K) kunye ne phosphorus (P) iphindwe kabini kunesibalo se are nitrogen
iBoron (B) njenge minerali esisibalo esincinci nayo iluncedo ekukhuliseni iihops

Ixesha Elilungele Ukutyala iiHops

©Chris Daly
Kungcono ukutyala iihops ebusika kube kusekho ixesha elininzi phambi kokuba udinge ukuvuna ehlotyeni. Ukutyala amagaqa wakho eerhizome kusengethuba kungcono kunokutyala xa sele kusondele ihlobo. Iirhozome zingamelana namaqondo aphantsi kangange -6℃. Amaxesha alungele ukutyala aqala ngeenyanga zika Meyi ukuya kwezika Julayi.

Ungazityala Njani iiHops/Rhizomes

Grumpa umngxuma onobunzulu obuli 10cm, malunga nobude begaqa le rhizome ofuna ukulityala.
Lalisa irhizome ngecala kumngxuma wakho. Qwalasela irhizome uze uqiniseke ukuba kwangcambu zikhoyo zijonge ezantsi emhlabeni logama amagaqa amhlophe ajonge phezulu.
Sebenzisa izandla zakho ukudiba nokugangatha umhlaba.
Ungagquma kengoku iihops zakhu ngengca eyomileyo ukuthintela ukukhula kwekhula.
Gada umhlaba rhoqo, uwugcine ufumile de isityalo siqale ukuntshulela ngaphezulu emhlabeni.

Translated by Zizipho Silwana