Ungatyala Eziphi Izivuno zama Dlelo

© University of Maryland Extension

Ukukhethela amadlelo izityalo kuxhomekeka koku:
Isimo sezulu nemeko zomhlaba
Ukufumaneka kwamanzi
Zeziphi izilwanyana okanye ingaba ingqokelela yezilwanyana zizakusebenzisa idlelo
Ingaba idlelo lizakusetyenziselwa ntoni - umzekelo, ingaba idlelo lizakusetyenziswa ukutyisa izilwanyana kuphela okanye lizakwenziwa ihay okanye silage?

Izivuno zama Dlelo eMzantsi Afrika

©Kamrul Islam Shahin
Ngokwesebe le Forage Technology le Agricultural Research Council (ARC), izivuno zamadlelo zisetyenziswa kakhulu kwi hay yi weeping love grass (Eragrostis curvula) ne Eragrostis tef. Kwi silage, kusetyeniswa umbona ixesha elininzi, kodwa kwi fodder kusetyenziswa namazimba.
Ezona ntlobo zengca ezixhaphakileyo ehlotyeni yi wool grass (Anthephora pubescens), Rhodes grass ne finger grass. Ingca zase busika ziquka cock’s foot, ta fescue, oats ne stooling rye.Iimbotyi Kuluhlu le Agricutural Research Council (ARC) liquka imbotyi dolichos ne stylo (njenge mbotyi ezityalwa ehlotyeni) ne clover emhlophe, Lucerne ne medics njenge mbotyi ezityalwa ebusika.
Imixube yembotyi-nengca exhaphakileyo ecetyiswa yi ARC yi Italian ryegrass – clover emhlophe, amazimba-cowpea okanye amazimba-dolichos imbotyi nomxube we hairy vetch-black-oats-Daikon-radish.
Nayiphi na inkampani ethengisa imbewu izaku kwazi uku ukucebisa ngezivuno ezilungele idlelo lakho, onokuzi khulisa kwingingqi yakho nakuhlobo lomhlaba wakho. Cela isikhokhelo.

Intlobo Zezityalo zama Dlelo

©Pannar Saad
Izityalo zamadlelo zohlulwe ngamaqela amabini – awo bushushu nawe ndawo ezipholileyo.
Amadlelo endawo ezipholileyo
Amadlelo wendawo ezipholileyo atyalwa kwindawo ezinemvula yehlobo eMzantsi Afrika, ngesiqhelo nangeyiphi na inyanga enemvula yehlobo ukusuka ngo October ukuya ku February. Ezizityalo azenzinto ebusika emveni kokugcina izinongo kwigcambu ngexesha lase kwindla, oko kuzenza zilungele ukukhula okutsha entwasahlobo.
Esona sityalo esixhaphakileyo kumadlelo yi teff (Eragrostis tef). Elunge kakhulu kwimveliso ye hay, ikhula kuzo zonke iintlobo zomhlaba kwaye ingaveliswa phantsi kwemeko zomhlaba owomileyo. Ukutyisa izilwanyana amazimba we fodder ne pearl millet nako kuxhaphakile.
Iingca ezizivelela nanini na kumadlelo ziquka Smuts finger grass (Digitaria eriantha), Rhodes grass (Chloris gayana), Weeping lovegrass, (Eragrostis curvula), Paspalum kunye nengca Guinea enencasa (Panicum maximum), ikwabizwa i'white buffalo grass'. Kwindawo ezomileyo eMzantsi Afrika, i'blue buffalo grass' iqhelekile. Kwindawo ezinemvula eninzi, ezipholileyo okanye eziphantsi konkcenkceshelo, ikikuyu ikhula kakuhle kumhlaba ochumileyo.
Iimbotyi zendawo ezipholileyo njengezityalo zamadlelo ziquka iintlobo ezifana ne Greenleaf desmodium, soybean evela nanina na, siratro (purple bush bean), stylo ne Lucerne.
Amadlelo kwindawo ezishushu
Lamadlelo athanda isimo sezulu esipholileyo ayadloba kwaye aluhlaza ngexesha lasebusika kwaye ziya ayanyamezela kwikhephu. Xa efaniswa namadlelo endawo ezipholileyo, amadlelo akwindawo ezishushu anencasa, anesondlo, kwaye acoleka ngcono esiswini. Ukucoleka kuthetha okokuba zingakanani izinongo ezizakufunyanwa sisilwanyana kwidlelo.
Imizekelo yengca ezikhula kwisimo esipholileyo yi Westerworld, ne Italian ryegrass, ryegrass ekhula nanina na, fescue ende, ne cock’s foot. Clovers - berseem clover, clover ebomvu nemhlophe - zimbotyi ezilungele ukuxutywa nengca zexesha elishushu.

Iimbotyi

©Pannar Saad
Iimbotyi – clovers, soybeans, ne peas - zizityalo, ezithi zibeno budlelwane nentsolongwane yomhlaba eyaziwa nge Rhizobium, incedisa ukonyusa initrogen emhlabeni. Njengezityalo zamadlelo, iimbotyi ziye zingafuni kuchunyiswa kakhulu njenge ngca.
Iimbotyi zinengcambu ezithe sa ezinde ezigqobhoza nzulu emhlabeni ukuze zifumane ukufuma kwaye zinamagqabi abanzi ngobume. Ingca zinengcambu eziphezulu namagqabi amxinwa amade. Umzekelo wembotyi ezilungele isimo sezulu esipholileyo ziquka stylo ne Lucerne, ekwabizwa i-alfalfa kwelase USA. Imizekelo wembotyi ezilunge kwisimo esishushu yi clover ebomvu nemhlophe.
Uyacelwa qaphele:Ulwazi lwenzelwe ukufundisa nokunikeza ulwazi ngoku phangaleleyo kuphela kwaye akufunekanga lubonwe njenge ngcebiso yokutyisa izilwanyana kunye nesondlo sazo. Ukufumana ulwazi oluthe vetshe ngokutyisa izilwanyana zakho nokutyala izivuno nxibelelana nalowo usebenza ngezolimo ukufuphi okanye umthengisi wembewu.

Translated by Zikhona Plaatjie