Ulawulo Lwamantshontsho Omvundla

© Judy Stuart

Ukuzalwa noku Khula

Ulawulo lwamantshontsho omvundla lubalulekile xa umnikazi shishini efuna liphumelele. Ntshontsho ngalinye lomvundla elilahlekayo libonwa ngenje ntshontsho elingasokuze libonwe liyi ngeniso.
Ingeniso ebonakala etafileni, isilwanyana esisezakuzala ezinye okanye sithengiswe kufunyanwe imali ngaso. Lilonke ukunakekela imivundla emincinci kubalulekile. Imivundla emininzi ezalayo azishiya izindlu zayo ngethuba eliyiveki phambi kokuba zijongwe.
Ndicinga ingqweji yemivundlana ifuna ukujongwa nokuba kukanye nge mini. Ingakumbi ukuba yindawo enkulu okanye yokuqala kumvundla ongumama. Kujonge okokuba abantwana bahleli kakuhle kwaye bomile, imbambo zingaveli, xa abantwana bomvundla bekhangeleka bebhityile, jonga umama ngokuhambisa isandla apha ngaphezulu kwe sisu.
Xa, amabele eshushu kwaye edumbile, kungenzeka umama lo unesifo ezasiwa ngokuba yi mastitis. Xa indlu inabantwana abasixhenxe okanye isibhozo umama womvundla anganengxaki yobisi olungonelanga.
Kulungile ke ukumithisa iqela lemivundla ngemini, ukuze xa omnye engakwazi ukumelana nabantwana imivundla itshintshisane. (Thatha le mincinci kakhulu imivundla) xa omnye umama womvundla esaphazamisekile kukuncancisa, sula ivumba kulo umtsha umdlezane phantsi kwentshontsho lawo, ufake kulo ungenguye umama.
Zifake nentshontsho eseliqinile. Inkoliso yaba dlezana bemivundla bayawathatha amanye amantshontsh lula. Ukuba yomibini imivundla emincinci yeyohlobo elinye lomvundla, ibala lohlula abantwana kwabo ingengabo, abantwana engengabo baye baphawulwe nge koki ukuze kwazeke kwaye kwehlulwe omama. Xa kukhona okutshintshayo kwingqweji, bhala ke kwi khadi lentshontsho.
Abantwana bomvundla baqala ukhula uboya ngosuku lwesihlanu, ze bavule amehlo pha kusuku lwesibhozo ukuyokuma kwele shumi. Kungenzeka ke amashiya agqunywe yimikhwinya. Kuyabonakala ke xa amashiya ebomvu kwaye ebonakala okokuba ingxaki ikhona. Thufa amathe akho enweni wakho uwaqabe lomathe emehlweni, wakugqiba utsale amashiya uwahlukanise (bona imifanekiso).
Yeyona ndlela ilungileyo yokulungisa I ‘nest eye’. Nje ukuvuleka kwamehlo abantwana bazakuqala ukuhamba hamba balandele nomama wabo xa ephuma kwindlwane. Beka ke isitena okanye indawo yokunyathela ukuze bakwazi ukuqabela kwakhona bangene kwindlwana.
Abantwana ke batya nomama ukutya okuqinileyo ukususela kwintsuku ezilishumi elinesithandathu (16) ukuyoma ku mashumi amabini ananye (21). Bangatya ipellets nako konke okuhlaza nengca omama abanayo kwindlwana. Kubaluleke kakhulu abantwana bafikelele lula emanzini xa bekwelinqanaba. Xa amanzi enikezwa ngengono, kubalulekile ukuqinisekisa okokuba zisezantsi kwaye bayafikelela abantwana.
Xa kusetyenziswa isitya, qinisekisa okokuba sigcwele, kwaye abantwana abazukuwa emanzini barhaxwe. Nakekela abantwana, likamva lomhlambi wemivundla lakho, kwaye kufuneka bonwabe bakhathalelwe ngumntu.

Translated by Zikhona Plaatjie