Ulawulo lwama Dlelo

©Pannar Saad
“Ingca yenziwa ngengca” lenake yinkolelo esetyenziswa ngumfama wenkomo wase USA. Ujolise ekubalulekeni kolalulo lwama dlelo ukokha okungaxutywanga nazingcolisi emhlabeni kunye nokugcina ukufuma emhlabeni.
Amadlelo alawulwa kakuhle anegalelo elikhulu kwezolimo nempilo yefama kodwa ibaluleke ngokulinganayo, ulawulo lwamadlelo kuqinisekisa impumelelo yomsebenzi onexabiso eliphezulu lokutyala amadlelo.
Ngaphandle kokucwangcisa ngenjongo yokwandisa umgangatho nemveliso yedlelo, kubalulekile ukusebenzisa iindlela zolawulo ezilungele uhlobo lwesivuno, imfuyo odinga ukuyityisa kunye nomhlaba wefama yakho, ukufumaneka kwamanzi nesimo sezulu.
Xa usazama ukutya okutsha kwezilwanyana okanye uvavanya ezochwephesha okutsha, qala kancinci. Akuzubalula ukuyilawula kuphela, kodwa inganceda ukonga imali kubelula ukwandisa/okanye ukwehlisa xa ubona iziphumo.

Ulawulo Lokhula kuma Dlelo

©Navajo Agricultural Products Industry
Kubalulekile ukulawula ukhula ngexesha lokutyalwa kwamadlelo kuba izithole ezise ncinci azidibani kwaphela nokhula kuba zikhuphisana ngamanzi, izinongo kunye nelanga.
Kwakhona ukhula olufana ne ragwot lungayingozi kwinkomo namahashe atya emadlelweni.
Okungcono, ubunzulu bedlelo kufuneka bube nobuzaza ukuze ukhula lungakhuli. Xa izilwanyana zisitya kakhulu kumadlelo oku kwenza umhlaba uvele ngaphandle. Oku kungenza ukhula likhule kakhulu yiyo lonto ukogquma idlelo lakho ngaphezulu kuyacetyiswa, xa kusenzeka.
Ukhumbule okokuba ukhula lungachaza okokuba kudingeka izinongo/okanye zininzi kumhlaba wakho, umzekelo umthi we fumaria othanda amazinga aphezulu kwi potassium emhlabeni. Ucalulo lomhlaba lokunceda uhlelo loku chumisa kunganceda ulawule ukhula.
Ukhula lunga lawulwa nge khemikhali. Ulawulo lokhula iBroadleaf lungadinga izibulali zezinambuzane ezininzi zifakwe okanye zifakwe rhoqo ngexesha lonyaka. Ukuzifaka ngamaxesha ahlukileyo enyakeni kungenza ulawulo olungcono lokhula oluthi lukhule ngamaxesha ahlukileyo.

Ulawulo Lokusetyenziswa kwama Dlelo

©Zeynel Cebeci
Ungatyisi izilwanyana kumadlelo ase mafutshane
Ungavumeli izilwanyana zitye kumadlelo asandula ukutyalwa kuselithuba okanye zitye rhoqo. Kuxhomekeke kwisivuno, linda de izityalo zibe ngu 20 cm ubude. Uninzi lwezivuno ezikukutya kwezilwanyana kufunka zitye izilwanyana zibemfutshane ku 10 cm, umlinganiselo wowubanzi besandla. Oku kuzakwenza idlelo likhule kakhulu. Zama ukufaka izilwanyana ezimbalwa- kwidlelo ngalinye. Oku kungaba yinkomo enye kwi hektare ezintathu (3).
Jikelezisa amadlelo
Cinga ukwahlula amadlelo abezinkampi ezincinci ukuze amadlelo ezitya kuwo izilwanyana aphumle ukuyokuma kwiveki ezintandathu (6). Jikelezisa izilwanyana kwinkampi, uzikhuphe xa amadlelo emafutshane.
Chumisa amadlelo
Kuxhomekeka kuhlelo lomhlaba, kunganyanzeleka wongeze izinongo zomhlaba emhlabeni, xa kusetyenziswa iimbotyi njenge ngxenye yomxube kwidlelo, akunyanzelekanga ukongeza initrogen. Amanye amafama ayakhofola emveni kokuba izilwanyana zityile ukuqhekeza umgquba nokuba ulingane kwidlelo.
Cwangcisa ukusetyenziswa kwamadlelo
Ixesha lokutshintshwa kwesivuno sibelidlelo libalulekile. Oku kuxhomekeke ekusetyenzisweni kwedlelo, umzekelo ihay okanye silage kunye nomxube wesivuno umzekelo, imbotyi-nengca kunye nexesha loku khula lomxube wedlelo.
Ixesha elibalulekileyo, kukubuyiswa kwe sivuno kwidlelo. Ingaba kuzakuqalwa idlelo elitsha okanye kuzaku hlwayelwa kakhulu? Ukuhlwayela kakhulu yindlela yokulima idlelo, isivuno esifana ne clover kumadlelo akhoyo ngaphandle kokhofola okanye ukuphazamisa umhlaba nokuba kukulungisa ibhedi yembewu.
Xa kutyalwe izivuno ezahlukileyo, amadlelo axutyiweyo akhuliswa ngaxesha nye. Xa sele kukhona isivuno esikhulileyo, siyavunwa kwenziwe isilage ekukutya kwezilwanyana, ze okunye kuyekwe kukhule izilwanyana zizokwazi ukutya kulo.

Translated by Zikhona Plaatjie